Uluka 16 XHO96

Umzekeliso ngegosa

1 Ke uYesu wathi kubafundi bakhe: “Kwakukho sityebi sithile esasinegosa, elathi lona lamangalelwa kuso ngokuyichitha impahla yaso.

2 Silibizile ke, sathi kulo: ‘Yintoni le ndiyivayo ngawe? Khawenze ingxelo yobugosa bakho, kuba akusayi kuba saba ligosa.’

3 Lacinga ke igosa lathi: ‘Ndiya kuthini, bethu, inkosi yam indisusa nje ebugoseni? Ndiphangele? Hayi, kuyandoyisa! Ndingqibe? Hayi, ndineentloni!

4 O-o-o, ndiyayazi into endiya kuyenza, ukuze xa ndithe ndasuswa ebugoseni bandamkele ezindlwini zabo abantu.’

5 “Ke libabizele kulo ngabanye abanamatyala enkosini yalo, lathi kowokuqala: ‘Unatyala lingakanani na enkosini yam?’

6 Wathi yena: ‘Likhulu leengqayi zeoyile yomnquma.’ Lathi kuye: ‘Thatha iphepha lakho, ukhawuleze uhlale phantsi, ubhale amashumi amahlanu.’

7 Emva koko lathi komnye: ‘Wena ke unatyala lingakanani?’ Wathi yena: ‘Likhulu leengxowa zengqolowa.’ Lathi kuye: ‘Thatha iphepha lakho, ubhale amashumi asibhozo.’

8 “Yaza inkosi yalo yalincoma ngokundweba kwalo eli gosa linamaqhinga; kuba kwezobulumko obusingisele koogxa babo, abeli phakade bayabagqitha abakhanyiselwe nguThixo.”

9 Waqhuba ke uYesu wathi: “Nam ndithi kuni, ubutyebi obu bùdla ngokufunyanwa ngobuqhetseba, busebenziseni nina ngendlela eya kunakhela ubuhlobo, khon' ukuze nakuphelelwa bobo butyebi, nibe nokwamkelwa eminqubeni yaphakade.

10 Othembekileyo kokuncinane, uthembekile nakokukhulu; nongathembekanga kokuncinane, akathembekanga nakokukhulu.

11 Ukuba ngoko anibanga nakuthembeka kubutyebi beli phakade, ngubani na onokunithemba kobo butyebi bububo?

12 Ukuba anibanga nakuthembeka kokukokomnye, ngubani na onokuninika okukokwenu?

13 “Akukho sicaka sinokukhonza iinkosi ezimbini, kuba siya kuyithiya le, siyithande leya, okanye sibambelele kule, siyidele leya. Aninako ukukhonza uThixo kwanobutyebi.”

Umthetho kaMosis nolawulo lukaThixo

14 Ke *nabaFarasi, amathanda-mali, bamvile uYesu ekuthetha konke oku, baza bamnximzela;

15 waza wathi kubo: “Nina ningabazenza amalungisa phambi kwabantu, kodwa uThixo uyazazi iintliziyo zenu. Ke oko kuxatyisiweyo ngabantu kulizothe kuThixo.

16 “Kwakulawula *umthetho kaMosis nezibhalo *zabashumayeli bamandulo kwada kwaba yimihla kaYohane umbhaptizi. Ukususela ngoko kushunyayelwa iindaba ezimnandi zolawulo lukaThixo oluthwasileyo. Ke bonke beza kulo begxalathelana.

17 Kulula ukuba lidlule izulu nehlabathi kunokuba kucinywe nechaphazana eli lomthetho.

18 “Wonke umntu omalayo umfazi wakhe, azeke omnye, uyakrexeza; nomntu wonke ozeka umfazi owalene nendoda yakhe, uyakrexeza.”

Umzekeliso ngesityebi noLazaro

19 “Kwakukho sityebi sithile, esasivatha ezimbeje-mbeje, sisitya oozimuncu-muncu yonke imihla.

20 Esangweni laso kwakudla ngokusiwa hlwempu lithile, ligama linguLazaro, elalizele zizilonda,

21 lisoloko linqwenela ukutya nokuba yimvuthuluka ewa etafileni yesityebi eso. Bezisiza izinja, zikhothe izilonda zalo.

22 “Ke kaloku lafa ihlwempu elo, lasiwa kuAbraham zizithunywa zezulu. Safa ke nesityebi, sangcwatywa.

23 Sathi, sikwelabafileyo, saphakamisa amehlo aso sisentuthumbeni, sambona uAbraham ekude, uLazaro enaye.

24 Samemeza ke, sathi: ‘Bawo, Abraham, ndénzele inceba, uthume uLazaro ukuba athi nkxu incam yomnwe wakhe emanzini, aphozise ulwimi lwam, kuba ndiyathuthunjelwa kweli langatye!’

25 “Kodwa uAbraham wathi: ‘Nyana, khumbula ukuba wena ebomini bakho wawufumana izinto ezimnandi, uLazaro yena efumana ezimbi; ngoku yena uyathuthuzelwa apha, kanti wena uyathuthunjelwa.

26 Kodwa ke, ngaphandle kwale nto yonke, phakathi kwethu nani kuthiwe zinzi umsantsa omkhulu, ukuze abathanda ukuwela, besuka apha besiya kuni, bangabi nako, nokuthi abalapho kuni bangabi nakuwelela kuthi.’

27 Sathi ke isityebi: ‘Ndiyakubongoza ke ngoko, bawo, ukuba umthume emzini kabawo,

28 kuba ndinabantakwethu abahlanu. Makabaqononondise ukuze bangàthi nabo beze kule ndawo yentuthumbo.’

29 “Kodwa uAbraham wathi kuso: ‘*Banomthetho kaMosis neencwadi *zabashumayeli bamandulo; mabeve zona.’

30 Sathi ke sona: ‘Hayi, bawo Abraham; ukuba kuthe kwaya kubo ovela kwabafileyo, boguquka.’

31 Wathi kuso: ‘Ukuba bathe ababeva ooMosis nabashumayeli, abayi koyiseka nokuba kuthe kwavuka bani kwabafileyo.’ ”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24