Uluka 8 XHO96

Abafazi ababelungiselela uYesu

1 Kwathi emva koko uYesu watyhutyha iidolophu ngeedolophu neelali ngeelali, evakalisa eshumayela iindaba ezimnandi zolawulo lukaThixo. Wayehamba nabafundi bakhe abalishumi elinambini.

2 Kwakukho nabafazi abathile ababephiliswe kwiindimoni nasebulwelweni. YayinguMariya ekuthiwa ngowaseMagadala, ekwakuphume kuye iindimoni ezisixhenxe,

3 noYohana, umka-Kuza, igosa likaHerode, noSusana, kwanabanye abaninzi. Bona babelungiselela uYesu nabafundi bakhe.

Umzekeliso ngomhlwayeli

4 Ke kaloku, kwakuba kuhlanganisene isihlwele esikhulu, kusuke abantu beelali ngeelali beza kuye, uYesu wathetha nabo ngomzekeliso, esithi:

5 “Umhlwayeli waphuma waya kuhlwayela imbewu yakhe. Ekuhlwayeleni kwakhe enye yawa ngasendleleni, yanyathelwa, zathi iintaka zayichola-chola zayigqiba.

6 Yimbi yawa elulwalweni, yathi isantshula yatsha ngenxa yokuba umhlaba ubungafumanga.

7 Yimbi yawa phakathi kokhula, lwasuka ukhula lwakhula kunye nayo, lwayiminxa.

8 Yimbi yawa kumhlaba olungileyo, yakhula, yathwala isiqhamo ngokuphindwe kalikhulu.”Etshilo ke wadanduluka esithi: “Oneendlebe zokuva makeve!”

Injongo yemizekeliso

9 Ke abafundi bakaYesu bambuza besithi: “Ngaba uthetha ntoni na lo mzekeliso?”

10 Wathi ke yena: “Nikuphiwe nina okokuba nizazi iimfihlelo ezingolawulo lukaThixo, kodwa abo bangakuphiwanga baziva ngemizekeliso nje, ukuze, njengoko zitshoyo iziBhalo ukuthi:“ ‘Bebona nje, bangaboni;besiva nje, bangaqondi.’”

Ingcaciso yomzekeliso

11 “Ke kaloku lo mzekeliso uchazwa kanje: Imbewu le lilizwi likaThixo.

12 Abo bangasendleleni ngabo bevayo, aze eze umtyholi alisuse ilizwi ezintliziyweni zabo, ukuze bangakholwa basindiswe.

13 Abo ke baselulwalweni ngabathi, bakuliva ilizwi, balamkele ngovuyo, kodwa babe bengenazingcambu zendeleyo, kuba bakholwa okomzuzwana, ze bathi bakuhendwa, balahle.

14 Leyo yawayo elukhuleni, ngabo bathi bevile baminxwe ekuhambeni kwabo ngamaxhala nobutyebi neziyolo zobu bomi, baze bangavelisi ziqhamo.

15 Ke leyo isemhlabeni omhle ngabo bathi ngentliziyo entle, elungileyo, bakuliva ilizwi, balibambe, bathwale iziqhamo benomonde.”

Umzekeliso ngesibane

16 “Akukho bani uthi, esilumekile isibane, asigqume ngesitya, okanye asifake ngaphantsi kwebhedi. Usixhoma endaweni yaso, ukuze abangenayo bakhanyiselwe.

17 Kaloku akukho nto ifihlakeleyo ingayi kude ityhilwe; kananjalo akukho nto ifihliweyo ingayi kude ivele, yaziwe.

18 “Ze nive kakuhle ke; kuba lowo unolutho uya kunikwa, athi lowo ungenanto ahluthwe kwanaloo nto aba unayo.”

Ezona zizalwana zikaYesu

19 Ke kaloku abantakwabo nonina kaYesu bafika, kodwa àbaba nako ukufikelela kuye ngenxa yesihlwele.

20 Waxelelwa ke kusithiwa: “Nanku unyoko nabantakwenu ngaphandle, befuna ukukubona.”

21 Waphendula yena wathi kubo: “Umama nabantakwethu ngâbo bathi bakuliva ilizwi likaThixo balenze.”

UYesu uzolisa isaqhwithi

22 Kwathi ngamhla uthile uYesu waya kukhwela esikhitshaneni kuLwandle lwaseGalili. Babekho nabafundi bakhe, waza wathi kubo: “Masiwele siye ngaphesheya.” Banduluka ke.

23 Ekuhambeni kwabo uYesu walala ubuthongo. Kwavuka isaqhwithi elwandle, isikhitshana sazala ngamanzi, baba sengozini.

24 Baza abafundi bamvusa uYesu, besithi: “Mhlekazi, safa!”Wavuka ke uYesu, wawukhalimela umoya namaza alatyuzayo. Wadamba umoya, amaza ayeka ukulatyuza, kwabakho ukuzola.

25 Waza wathi kubo: “Luphi na ukholo lwenu?”Bona ke babesoyika, bemangalisiwe, besithi omnye komnye: “He bethu, ngumntu onjani lo ude alulanyelwe ngumoya nangamanzi!”

Ukuphiliswa komGergesa oneendimoni

26 Ke kaloku bahamba ngesikhitshana, baya ezweni lamaGergesa, elikhangelene nelaseGalili.

27 Kwathi uYesu akuphumela emhlabeni, wahlangatyezwa yindoda ethile yaloo dolophu, eyayiphethwe ziindimoni. Yayinexesha elide ihamba ze, ingahlali ndlwini, ihlala emangcwabeni.

28 Ithe ke, yakumbona uYesu, yakhala, yawa phambi kwakhe, isithi ngezwi elikhulu: “Ufuna ntoni kum, Yesu, Nyana kaThixo uPhezukonke? Ndiyakubongoza ukuba ungandithuthumbisi.”

29 Yatsho kuba uYesu wayeyikhalimele indimoni ukuba iphume kuyo, kuba kwakukaninzi le ndimoni iyihlasela, ize ke igcinwe ngokubotshwa ngamatyathanga nangamakhamandela, kanti yayisuka iziqhawule izibophelelo, isiwe entlango yindimoni leyo.

30 UYesu ke wayibuza esithi: “Ungubani wena igama lakho?”Yathi yona: “NdinguMkhosi,” kuba yayingenwe ziindimoni ezininzi.

31 Iindimoni ezi zazimbongoza uYesu ukuba angazigxotheli enzonzobileni.

32 Kwakukho umhlambi omkhulu weehagu usidla apho entabeni, zaza zambongoza ukuba azivumele ziye kungena kuwo. Wazivumela.

33 Zaphuma ke iindimoni endodeni leyo, zangena ezihagwini, waza umhlambi lowo waphaphatheka, wehla ethambekeni, waya kweyela elwandle, warhaxwa.

34 Bakukubona okwenzekileyo, abo babezalusa ezi hagu babaleka, baya kukuxela edolophini nasemaphandleni okuhlileyo.

35 Baphuma ke abantu, baya kuyibona loo nto yenzekileyo. Bafika kuYesu, bayifumana loo ndoda wayekhuphe kuyo iindimoni ihleli phantsi ngakuYesu, inxibile, inengqondo; baza ke boyika.

36 Abo babekubonile okwenzekileyo babaxelela ngendlela yokuphiliswa kwendoda eyayiphethwe ziindimoni.

37 Yaza yonke loo nkitha yommandla wamaGergesa yambongoza uYesu ukuba emke khona, kuba babesoyika kakhulu. UYesu ke waya kungena esikhitshaneni, wemka.

38 Ke kaloku indoda leyo zazikhutshwe kuyo iindimoni yayimbongoza uYesu, ifuna ukuhamba naye, kodwa uYesu wayindulula, esithi:

39 “Goduka, uyibalise into oyenzelwe nguThixo.” Yemka ke, yahamba iyibalisa kuyo yonke idolophu loo nto iyenzelwe nguYesu.

Ukuphiliswa kwentombi kaJayiro nomfazi owachukumisa uYesu

40 Kwathi akubuya uYesu, izihlwele zamamkela, kuba bonke babemlindile.

41 Kwabonakala kusiza indoda egama linguJayiro, eyayiligosa lendlu yesikhungo. Yona yazikhahlela phantsi ngasezinyaweni zikaYesu, yambongoza ukuba eze endlwini yayo,

42 kuba yayigulelwa yintombi yayo iqhawuka. Le yayikukuphela kwentombi yayo, iminyaka ngathi ilishumi elinambini izelwe.Ke kaloku ekuyeni kukaYesu apho, izihlwele zazimxinile.

43 Ke umfazi owayehlamba engaphezi iminyaka elishumi elinambini, engenakuphiliswa bani,

44 usondele ngasemva, wachukumisa umqukumbelo wesambatho sakhe, lanqamka kwangoko igazi.

45 UYesu wathi: “Ngubani lo undichukumisileyo?”Bakungazi ke bonke, uPetros wathi: “Mhlekazi, isihlwele sikungqongile, sikuxinile.”

46 Kodwa uYesu wathi: “Ukho ondichukumisileyo, kuba ndiyaqonda ukuba akho amandla aphumileyo kum.”

47 Uthe ke umfazi lowo, ebona ukuba ubhaqiwe, weza engcangcazela, wazikhahlela phambi kwakhe, waxela phambi kwabo bonke abantu ukuba umchukumisele ntoni na, ekuxela nokuphiliswa kwakhe ngesikhawu.

48 UYesu ke uthe kuye: “Ntombi yam, ukholo lwakho lukuphilisile; hamba ngoxolo!”

49 Kwathi uYesu esathetha, kwafika mntu uthile, evela emzini wegosa lendlu yesikhungo, wathi kulo: “Intombi yakho ayisekho. Sukuba samkhathaza uMfundisi.”

50 Eyivile ke le nto uYesu, uphendule wathi: “Sukoyika; kholwa nje wena. Yophiliswa.”

51 UYesu ke, efikile endlwini, akavumelanga mntu ukuba angene kunye naye, ngaphandle koPetros noYohane noYakobi noyise nonina wentombi leyo.

52 Babelila bonke, besenza isijwili; waza wathi: “Sanukulila! Ayifanga; ilele nje le ntombazana.”

53 Basuka bamwa ngentsini, besazi ukuba ibhubhile.

54 Ke yena wayibamba ngesandla, wayibiza esithi: “Ntombazana, vuka!”

55 Wabuya umoya wayo, yaphakama kwangoko; waza wayalela ukuba inikwe ukutya.

56 Bamangaliseka abazali bayo, waza wabayala ukuba bangayixeleli mntu loo nto yenzekileyo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24