Uluka 11 XHO96

UYesu ufundisa indlela yokuthandaza

1 Ke kaloku uYesu wayethandaza ndaweni ithile; kwathi akugqiba, omnye kubafundi bakhe wathi kuye: “Nkosi, sifundise ukuthandaza, kwanjengoko uYohane wabafundisayo ukuthandaza abakhe abafundi.”

2 Wathi ke kubo uYesu: “Xa nithandazayo yithini:“ ‘Bawo,malaziwe lihlonelwe igama lakho;malongame ulawulo lwakho.

3 Hlala usibonelela kwiintswelo zethu zemihla ngemihla;

4 usixolele izono zethu, kuba nathi sibaxolela bonke abanamatyala kuthi;ungasiyekeli ekulingweni.’ ”

5 Ke uYesu wathi kubo: “Ukuba ngaba ubani kuni uya kumhlobo wakhe ezinzulwini zobusuku, athi kuye: ‘Sihlobo, ndiboleke izonka zibe zithathu,

6 kuba ndinomhlobo ophambukele kum eseluhambeni, kanti andinanto ityiwayo ndingamnika yona;’

7 ngekhe kwenzeke ukuba lowo ungaphakathi aphendule athi: ‘Sukundikhathaza; sendivalile emnyango; mna nabantwana bam sesilele; andinako ukuvuka ndikunike.’

8 Ndithi kuni, nokuba akayi kuvuka amnike ngakuba engumhlobo wakhe, noko wothi ngenxa yokuzingisa kwakhe ecela, avuke amnike ezo zonka.

9 “Mna ke ngoko ndithi kuni: Celani, nophiwa; funani, nofumana; nkqonkqozani, novulelwa;

10 kuba wonke umntu ocelayo uyazúza, nalowo ufunayo uyafumana, nalowo unkqonkqozayo wovulelwa.

11 Ngubani na kuni onokuthi enonyana ocela intlanzi, asuke amnike inyoka,

12 okanye athi, ecela iqanda, asuke amnike unomadudwane?

13 Ukuba ngoko nina, nikhohlakele nje, niyakwazi ukubapha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi yena uYihlo osezulwini ukugqithisela ukubapha uMoya oyiNgcwele abo bamcelayo?”

UYesu unyeliswa ngokuba uncedwa nguSathana

14 UYesu wayekhupha indimoni edala ubumumu emntwini; kwaza kwathi, yakuphuma indimoni, isimumu eso sathetha. Samangaliswa ke isihlwele,

15 kodwa abathile kuso bathi: “Iindimoni ezi uzikhupha ngoSathana, umphathi weendimoni.”

16 Abanye babemlinga, befuna umqondiso ophuma ezulwini.

17 Ke uYesu, ezazi iingcamango zabo, wathi kubo: “Bonke uburhulumente obuvukelana bodwa buyawa, nomzi ovukelana wodwa uyachithakala.

18 NoSathana ke, ukuba okwakhe kuthe kwavukelana kodwa, lothini na ukungonakali ulawulo lwakhe? Nina nithi iindimoni ndizikhupha ngoSathana.

19 Ke ukuba iindimoni ndizikhupha ngoSathana,Okanye “ngoBhelezabhubhe” bazikhupha ngabani ke bona oonyana benu? Mabaphendule, nigwetywe ngabo.

20 Ukuba ke iindimoni ndizikhupha ngamandla kaThixo, yazini ukuba ulawulo lukaThixo seluthwasile kuni.

21 “Ukuba igorha lithe laxhoba lafa amacala, lawulinda umzi walo, impahla yalo yohlala igcinakele.

22 Kodwa ukuba kuthe kwafika elinye igorha elinamandla kunalo, laloyisa, lolihlutha sonke isikrweqe salo ebelikholose ngaso, liwabe amaxhoba alo.

23 “Lowo ungekho ngakum, uchasene nam; nalowo ungandiqokelelisiyo, uyachitha-chitha.”

Ukubuya kwendimoni

24 “Xa indimoni ithe yaphuma emntwini, icanda ezinkqantosini, ifuna ukuphumla; ize yakuba ingakufumani, isuke ithi: ‘Ndiya kubuyela endlwini yam endaphuma kuyo.’

25 Ithi yakufika, iyifumane itshayelwe, ilungisiwe;

26 ize ke ijike iye kuphuthuma ezinye iindimoni ezisixhenxe ezikhohlakeleyo kunayo, zingene ke zihlale khona; ize imeko yamva yaloo mntu ibe mbi kuneyokuqala.”

Abona banoyolo

27 Ke kaloku ekuzithetheni kukaYesu ezi zinto, kwavakala umfazi esihlweleni apho, esithi kuye: “Unoyolo umfazi owakuzalayo nowakwanyisayo.”

28 Ke yena wathi: “Yithi kanye: unoyolo lowo ulivayo ilizwi likaThixo alenze.”

Umqondiso kaJona

29 Kuthe isihlwele simxinanisile, uYesu wathi: “Esi sisizukulwana esikhohlakeleyo; sifuna umqondiso, kanti asiyi kunikwa mqondiso, ingenguwo umqondiso kaJona;

30 kuba, njengokuba uJona waba ngumqondiso kwabaseNiniva, uya kuba nguwo *uNyana woLuntu kwesi sizukulwana.

31 Ngomhla womgwebo ukumkanikazi waseZantsi wophakama abamangalele abantu besi sizukulwana, kuba wavela eziphelweni zomhlaba, esiza kuva ubulumko bukaSolomon, kanti ke omkhulu kunoSolomon nanku apha.

32 Ngomhla womgwebo abantu baseNiniva bophakama babamangalele abantu besi sizukulwana, kuba bona bâguquka ngentshumayelo kaJona,Jona 3:4-5 kanti ke omkhulu kunoJona nanku apha.”

Isibane somzimba

33 “Akukho mntu uthi, esilumekile isibane, asibeke endaweni efihlakeleyo okanye phantsi kwesitya; usixhoma endaweni yaso, ukuze abangenayo bakhanyiselwe.

34 Isibane somzimba liliso. Xa ke iliso lakho lilungile, umzimba wakho uphela uyakhanyiseleka; xa lithe alalunga, umzimba wakho usebumnyameni.

35 Lumka ke, hleze ukukhanya okukuwe kube bubumnyama.

36 Ukuba ngoko umzimba wakho uphela ukhanyiselekile, ungenandawo isebumnyameni, úya kukhanyiseleka uphela, kwanjengoko kunjalo xa isibane sithe sakukhanyisela ngelitha laso.”

UYesu ukhalimela abaFarasi nabachazi-mthetho

37 Akuba uYesu ethethile, *umFarasi othile wammema ukuba aye kutya kwakhe. Wafika ke, waya kuhlala etafileni.

38 Akukubona oku, umFarasi wamangaliswa kukuba uYesu engathanga kuqala ahlambe phambi kokuba atye.

39 INkosi ke yathi kuye: “Kaloku nina baFarasi nihlamba umphandle wendebe nesitya, kanti ngeentliziyo zenu nizungula ukuphanga nenkohlakalo.

40 Ziyathandini, lo wawenzayo umphandle akawenzanga na kwanawo umphakathi?

41 Ngoko ke yiphani abasweleyo izinto ezingaphakathi kwindebe nesitya. Nakwenjenjalo ke aniyi kuphinda nizikhathaze ngezinto ezinomlaza nezingenawo.

42 “Mawoo, nina baFarasi! Ninikela kuThixo ngesishumi semifuno enjengetyeleba nenxina neminye, kanti niyabutyeshela ubulungisa nokumthanda uThixo. Benimelwe kakade kukuzenza ezi zinto, kodwa nezinye ningazityesheli.

43 “Mawoo, nina baFarasi! Nithanda izihlalo eziphambili *ezindlwini zesikhungo, nokukhahlelwa emabaleni embutho.

44 Mawoo, nina! Ninjengamangcwaba angasabonakaliyo, abathi abantu bahambe phezu kwawo bengawazi.”

45 Waphendula ke othile wakubachazi-mthetho, wathi kuye: “Mfundisi, uthetha ngolu hlobo nje, uyasigxeka nathi.”

46 Uthe ke yena uYesu: “Mawoo, nani bachazi-mthetho! Abantu nibathwalisa imithwalo enzima, kanti nina le mithwalo aniyichukumisi nokuyichukumisa nangomnwe lo.

47 Mawoo! Nina nihombisa amangcwaba abashumayeli bamandulo, ukanti bâbuláwa ngooyihlo.

48 Nina ke nibonakalisa ukuvumelana kwenu nooyihlo, kuba bona bababulala *abashumayeli, kanti nina nihombisa amangcwaba abo.

49 Kungoko uThixo ngokobulumko bakhe atshoyo ukuthi: ‘Ndiya kuthumela abashumayeli nabathunywa ebantwini; inxenye baya kuyibulala, inxenye baya kuyitshutshisa.’

50 Lobizwa kwesi sizukulwana ke igazi labo bonke abashumayeli, elaphalazwayo ukususela ekusekweni kwehlabathi,

51 liqalela egazini lika-Abheli, lide lise egazini likaZakariya, owabulawa phakathi kweqonga lamadini nendawo engcwele. Ewe, nditsho nangoku liya kubizwa kwesi sizukulwana.

52 “Mawoo, nina bachazi-mthetho! Nasisusa isitshixo solwazi. Nina ngokwenu aningeni, kanti nabafuna ukungena niyabalela.”

53 Ukumka kukaYesu apho, abachazi-mthetho nabaFarasi bacaphuka, bamana bemlinga ngemibuzo emininzi,

54 befuna ukumrhintyela ngentetho yakhe.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24