Uluka 22 XHO96

UYesu uyabhungwa

1 Ke kaloku lalisondele itheko lezonka ezingenagwele, ekuthiwa *yiPasika.

2 Ke ababingeleli abaziintloko nabachazi-mthetho babefuna indlela efihlakeleyo yokumbulala uYesu, kuba babesoyika abantu.

UJudas uceba ukungcatsha uYesu

3 Wangena ke uSathana kuJudas ekuthiwa nguSikariyoti, owayengomnye wabafundi abalishumi elinambini.

4 Wesuka waya kubhunga nababingeleli abaziintloko nabagcini *bendlu kaThixo, wacebisana nabo ngeyona nto anokuyenza ukuze babe nokumbamba uYesu.

5 Bavuya ke bona, bagqiba kwelokuba bamnike imali,

6 waza wavuma, waba soloko ezungula ukufumana ithuba lokumbambisa kungekho sihlwele.

UYesu ulungiselela ukutya iPasika

7 Wafika ke loo mhla wesidlo sezonka ezingenagwele ekwakumele ukuxhelwa ngawo ixhwane *lePasika.

8 UYesu ke wathuma uPetros noYohane, esithi: “Hambani niye kusilungiselela iPasika.”

9 Baza bathi kuye: “Ufuna ukuba siyilungiselele phi na?”

10 Wathi kubo: “Khangelani, nakungena esixekweni, nodibana nomfo ophethe ingqayi yamanzi. Ze nimlandele, niye kuloo ndlu angena kuyo;

11 nize nithi kumnini-mzi: ‘Úthi uMfundisi: Liphi na igumbi leendwendwe apho ndingayidlela khona iPasika nabafundi bam?’

12 Yena wonibonisa igumbi elikhulu eliphezulu, elinempahla yalo. Lungisani apho ke.”

13 Bemka, bafika kunjengoko ebetshilo kubo, baza bayilungiselela iPasika.

Umthendeleko weNkosi

14 Lakufika ixesha, uYesu uye kuhlala etafileni enabathunywa bakhe;

15 waza wathi kubo: “Bendilangazelela kakhulu ukuyitya kunye nani le Pasika, ndingekabuva ubunzima.

16 Inene, andiyi kuba sayidla konke, de ibe izalisekile kulawulo olutsha lukaThixo.”

17 UYesu ke wathatha indebe, wabulela, waza wathi: “Yithatheni, nabelane ngayo.

18 Inene, andisayi kusela kwincindi yomdiliya lude luthwase ulawulo olutsha lukaThixo.”

19 Wathatha isonka ke, wabulela, wasiqhekeza, wabanika esithi: “Ngumzimba wam lo [onikelwa ngenxa yenu. Oku kwenzeleni ukundikhumbula.”

20 Bakugqiba ukutya wayithatha kwangokunjalo nendebe, wathi: “Le ndebe ingumnqophiso omtsha osungulwa kukuphalala kwegazi lam.]

21 “Kodwa, niyabona, lowo undingcatshayo ukunye nam apha etafileni.

22 Okunene yena uNyana woLuntu uyemka njengoko amiselweyo nguThixo; kodwa hayi ilishwa laloo mntu uNyana woLuntu angcatshwa nguye!”

23 Baza ke bona babuzana bodwa ukuba ngaba ngubani na kubo oza kuyenza le nto.

Oyena mkhulu

24 Ke kaloku kwabakho ukubangisana phakathi kwabafundi ngokuba nguwuphi na kubo ekunokuthiwa ngoyena mkhulu.

25 UYesu wathi kubo: “Ookumkani beentlanga balawula ngegqudu, kanti ke kwabona kuthiwa ngoothandabantu.

26 Ke nina ze ningabi njalo; omkhulu kuni makabe njengomncinci, nokhokelayo afane nokhonzayo.

27 Nguwuphi na kakade omkhulu: ngulowo uhleli etafileni, nokuba ngulowo uzisa ukutya etafileni? Asingulowo uhleli etafileni na? Ke mna phakathi kwenu ndinjengesicaka.

28 “Nina nahlala nihleli nam ekulingweni kwam.

29 Kwanjengokuba uBawo endinike igunya lokulawula, nam ndininika elo gunya,

30 ukuze nitye, nisele, etafileni yam kwikomkhulu lam, nihlale ezikhundleni zokulawula, nigweba izindlu ezilishumi elinambini zakwaSirayeli.”

UYesu ulumkisa uPetros

31 UYesu wathi: “Uyabona, wena Simon, uSathana ebenibanga efuna ukunihlungula okwengqolowa,

32 kodwa mna ndikuthandazele ukuba ukholo lwakho lungapheli. Nawe ke, xa uthe waguquka, uze uwomeleze amakholwa.”

33 UPetros ke wathi kuye: “Nkosi, ndixolèlè nokuya kunye nawe entolongweni nokuba kusekufeni.”

34 UYesu wathi: “Inene, Petros, kothi namhlanje ingekakhali inkuku, ube wena sewukhanyele kathathu ukuba uyandazi.”

Isipaji nengxowa yomphako nekrele

35 Ke uYesu wathi kubo: “Ngôkúyâ ndandinithume ningenasipaji, nangxowa yamphako, nazihlangu, nakha naswela nto na?”Bathi ke bona: “Nento le.”

36 Waza wathi kubo: “Ke ngoku lowo unesipaji makasithathe, enjenjalo nonengxowa yomphako, aze nalowo ungenakrele athengise ingubo yakhe alithenge.

37 Inene, kuya kwenzeka kum oko kubhaliweyo *eziBhalweni kwathiwa: ‘Wabalelwa kwizaphula-mthetho,’ kuba oko kubhaliweyo ngam akunakungenzeki.”

38 Ke bona bathi: “Nkosi, nanga amakrele amabini.”Waza wathi kubo: “Kwanele.”

UYesu uyathandaza

39 UYesu waphuma waza ngokwesiqhelo sakhe waya eNtabeni yemiNquma. Bamlandela ke abafundi bakhe.

40 Akufika apho, uYesu wathi kubo: “Thandazani ukuze ningangeni ekulingweni.”

41 Wasuka kubo, wathi qelele, waguqa ngamadolo, wathandaza

42 esithi: “Bawo, ukuba uyavuma, yisuse kum le ntlungu. Noko ke, makungabi kokuthandwa ndim, makube kokuthandwa nguwe okwenzekayo.” [

43 Ke kwabonakala isithunywa kuye, sivela ezulwini, simomeleza.

44 Edandathekile kakhulu uYesu, kwaba kukhona athandaza ngenyameko, kwada ukubila kwakhe kwangathi ngamathontsi egazi esiwa emhlabeni.]

45 UYesu ke waphakama ekuthandazeni, waya kubafundi bakhe, wafika belele, bedakumbile;

46 waza wathi kubo: “Yini na ukuba nilale? Vukani, nithandaze, ukuze ningangeni ekulingweni.”

Ukubanjwa kukaYesu

47 UYesu esathandaza, kwathi gqi indimbane, ikhokelwa nguJudas, ongomnye wabafundi abalishumi elinambini. Yena wasondela kuYesu ukuba amange.

48 Waza uYesu wathi kuye: “Judas, umngcatsha ngokumanga na *uNyana woLuntu?”

49 Abo babemngqongile uYesu, bakukubona okuza kwenzeka, bathi kuye: “Nkosi, sibaxabele na ngekrele?”

50 Omnye kubo waxabela isicaka sombingeleli omkhulu, wasinqumla indlebe yokunene.

51 Waza ke uYesu wathi: “Yekani; kwanele!” Wayichukumisa indlebe yesicaka eso, yaphila.

52 Ke uYesu wathi kumadoda amakhulu nababingeleli abaziintloko, nabagcini *bendlu kaThixo, ababeze kumbamba: “Nindiphathele amakrele neentonga, ngathi nize esihangeni?

53 Bendinani imihla ngemihla endlwini kaThixo, anandibamba. Eli lithuba lenu, kuba kulawula igunya lobumnyama ngoku.”

UPetros ukhanyela uYesu

54 Bembambile uYesu, bamqhuba bamsa endlwini yombingeleli omkhulu. UPetros wayelandela ekude.

55 Kwakubaswe umlilo eyadini, kusothiwa, noPetros ke waya kotha kunye nabo.

56 Isicakazana esithile simbonile uPetros ehleli ngasemlilweni, samqwalasela, sathi: “Naló ebekunye naye!”

57 Wakhanyela ke yena esithi: “Ntokazindini, andimazi loo mntu!”

58 Kwakuba mzuzwana, wabonwa ngomnye owathi: “Nawe ungowabo.”Waza wathi uPetros: “He mfondini, andinguye!”

59 Malunga neyure emva koko omnye watsho eqinisekile wathi: “Inene, nalo ikwanguwabo, kuba ukwangowaseGalili.”

60 Wathi uPetros: “Mfondini, andazani tu nale nto uyithethayo!”Kwathi kwangoko, esathetha, yakhala inkuku.

61 Yajika iNkosi, yakhangela kuPetros. Walikhumbula ke uPetros ilizwi leNkosi elithi: “Namhlanje ingekakhali inkuku, wondikhanyela kathathu.”

62 Waphuma phandle uPetros, watsho esikrakra.

UYesu wenziwa intlekisa

63 Amadoda awayembambile uYesu, ayemenza intlekisa, emntlitha,

64 emgquma amehlo ambuze esithi: “Xela okubethileyo!”

65 Babethetha nezinye izinto ezininzi bemnyelisa.

UYesu phambi kweBhunga

66 Kwakusa yahlanganisana intlanganiso yamadoda amakhulu, nababingeleli abaziintloko, nabachazi-mthetho, uYesu bamsa entlanganisweni *yeBhunga labo,

67 bathi: “Ukuba wena unguye *uKrestu sixelele.”Wathi yena kubo: “Ukuba ndithe ndanixelela aniyi kukholwa.

68 Nokuba ke ndithe ndanibuza aniyi kundiphendula.

69 Ukususela ngoku *uNyana woLuntu uya kuhlala ewongeni kwaThixo uSomandla.”

70 Bathi bona: “Ùnguye na uNyana kaThixo?”Wathi kubo: “Kutsho nina ngokwenu.”

71 Bathi ke bona: “Sisabufunelani na obunye ubungqina? Kaloku sizivele ngokwethu amazwi akhe.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24