Uluka 10 XHO96

Ukuthunywa kwabafundi abangamashumi asixhenxe anambini

1 Ke kaloku, emva kwezi zinto, iNkosi yanyula abanye abangamashumi asixhenxe anambini, yabathuma ngababini ngababini, ukuba bayandulele baye kuzo zonke iidolophu neendawo eyayiza kuya kuzo,

2 isithi kubo: “Isivuno okunene sikhulu, kodwa bona abasebenzi bambalwa. Mbongozeni ke ngoko uMnini-ntsimi, ukuba athumele abasebenzi, baye kuvuna.

3 Hambani ke. Niyabona, ndinithuma njengamatakane phakathi kweengcuka.

4 Ze ningaphathi ngxowa yamali, nangxowa yamphako, nazihlangu. Ze ningalityaziswa yimibuliso endleleni.

5 Nakuwuphi na umzi enithe nangena kuwo, yithini kuqala: ‘Uxolo malube nani kweli khaya!’

6 Ukuba ngaba ukho apho owoxolo, intsikelelo yenu yohlala phezu kwakhe; ukuba ke akunjalo, yobuyela kwakuni.

7 Hlalani ke kwakuloo ndlu, nitye nisele oko nikunikwayo; kuba umsébenzi uwufanele umvuzo wakhe. Musani ukuthi nihleli ndlwini ithile, nimke kuyo, niye kuhlala kwenye kwalapho.

8 Edolophini ke enithe nangena kuyo, baza banamkela, kutyeni ukutya enikunikwayo,

9 niyiphilise imilwelwe elapho, nithi kubo: ‘Luthwasile ulawulo lukaThixo!’

10 Kuloo dolophu nithe nangena kuyo, baza àbanamkela, ze niphume niye ezitalatweni zayo, nithi:

11 ‘Nothuli olu lwedolophu yenu olusezinyaweni zethu, siluvuthululela kuni. Kodwa ke kwazini oku: Ulawulo lukaThixo luthwasile!Okanye: “Ubukumkani bukaThixo busondele”’

12 Ngoko ke ndithi kuni, ngomhla womgwebo soba nganeno isohlwayo seSodom kunesaloo dolophu.”

Kunyembelekile kwiidolophu zabangakholwayo

13 “Mawoo, wena Korazin! Mawoo, nawe Bhetesayida! Ukuba imimangaliso eyenzeke kuni yayenzeke eTire naseSidon, abalapho ngebaguqukayo kwakudala, bahlala phantsi bambethe ezirhwexayo, bezigalele uthuthu.

14 Ewe, ngomhla wokugwetywa soba nganeno isohlwayo seTire neseSidon kunesenu.

15 Wena Kapernahum, unga ungaphakanyiselwa ezulwini na? Hayi, uya kuphoswa phantsi kwelabafileyo.”

16 Wathi ke kubafundi bakhe: “Lowo univayo, uva mna; nalowo unganamkeliyo, akamkeli mna. Ke ongandamkeliyo mna, akamkeli lowo undithumileyo.”

Ukubuya kwabafundi abangamashumi asixhenxe anambini

17 Babuya ke abafundi abangamashumi asixhenxe anambini, bevuya, besithi: “Nkosi, neendimoni ezi sizoyisile ngegama lakho.”

18 Wathi ke kubo: “Ndibone uSathana esiwa ezulwini okombane.

19 Niyabona, ndininike igunya lokunyathela phezu kweenyoka noonomadudwane, naphezu kwawo onke amandla alowo ulutshaba. Ke ayikho konke into enokunenzakalisa.

20 Noko ke sanukuvuyela ukoyisa kwenu iindimoni, vuyani kuba amagama enu ebhaliwe kwaThixo.”

UYesu unemihlali

21 Ngelo xesha uYesu wagcoba ngoMoya oyiNgcwele, wathi: “Ndiyabulela kuwe, Bawo, Nkosi yezulu nomhlaba, ngokuzifihla kwakho ezi zinto kwizilumko neengqondi, wazityhilela iintsana. Ewe, Bawo, wênjenje kuba kukholekile kuwe.

22 “Zonke izinto zinikelwe kum nguBawo; kananjalo akukho waziyo ukuba ungubani na uNyana, ngaphandle koYise, kungekho waziyo ukuba ungubani na uYise, ngaphandle koNyana, nalowo uNyana athanda ukumtyhilela.”

23 Ke uYesu waguqukela kubafundi bakhe, wathetha nabo ngasese, wathi: “Hayi uyolo lwâbo babona enikubonayo nina!

24 Inene, baninzi *abashumayeli nookumkani ababenqwenela ukuzibona izinto enizibonayo nina, baza àbazibona; benqwenela nokuva izinto enizivayo, baza àbaziva.”

Umzekeliso ngomSamariya olungileyo

25 Ke kaloku kwafika umchazi-mthetho, walinga uYesu esithi: “Mfundisi, kufuneka ndenze ntoni na ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?”

26 UYesu wathi kuye: “Khawutsho, kubhalwe ntoni *emthethweni?”

27 Ke yena wathi: “Kuthiwa: ‘Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangamandla akho ephela, nangengqondo yakho iphela; umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.’ ”

28 UYesu ke wathi kuye: “Uchane ecwethe! Yenjenjalo kanye; wobudla ubomi.”

29 Ke yena umchazi-mthetho, efuna ukuzenza ilungisa, wathi kuYesu: “Ngubani ummelwane wam?”

30 UYesu wamphendula wathi: “Umntu othile wayesihla evela eJerusalem, esiya eJeriko, waza wagaxeleka ezihangeni, ezamhluba izambatho zakhe, zamngxwelerha, zemka zimshiya esecicini lokufa.

31 Ke kaloku kwakukho mbingeleli uthile owayesihla kwangaloo ndlela, owathi akumbona wacezela phaya.

32 Kwangokunjalo ke *nomLevi, akufika kuloo ndawo, uthe akumbona wacezela phaya.

33 Ke umSamariya othile owayeseluhambeni wafika kuye, wathi akumbona wavelana naye,

34 wasondela, wawabopha amanxeba akhe, ewagalela ioyile newayini. Wamkhwelisa kwidonki yakhe, wamsa kwindlu yabahambi, wamonga.

35 Ukumka kwakhe ngengomso, urhole imali, wanika umnini-ndlu, wathi kuye: ‘Uze umonge; nento othe wadleka yona ngaphezu koku ndoyihlawula ekubuyeni kwam.’ ”Waqhuba uYesu wathi:

36 “Khawutsho ke, nguwuphi kwabo bathathu owaba ngummelwane walowo wagaxeleka ezihangeni?”

37 Umchazi-mthetho wathi: “Ngulowo waba novelwano.”Waza uYesu wathi kuye: “Hamba uye kwenjenjalo ke nawe.”

UMarta noMariya

38 Kolo hambo lwabo uYesu ungene dolophaneni ithile, waza wamkelwa endlwini ngumfazi othile ogama linguMarta.

39 UMarta wayenodade wabo ogama linguMariya, owathi yena wahlala ngasezinyaweni zeNkosi, ephulaphula amazwi ayo.

40 Ke yena uMarta wayexakeke kakhulu ngamalungiselelo; waya kuYesu, wathi: “Nkosi, akukhathali na kukuba umsakwethu andiyekele ndilungiselele ndendwa? Yitsho kuye andincedise.”

41 Waphendula ke uYesu, wathi kuye: “Wena Marta, uzikhathaza ngezinto ezininzi,

42 kanti inye kuphela eyimfuneko. UMariya unyule loo nto ilungileyo, kwaye ayiyi kuhluthwa kuye.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24