Uluka 14 XHO96

UYesu uphilisa isigulana

1 *NgoMhla othile wokuPhumla uYesu waya kutya kumzi *womFarasi owayeyinkokheli. Bahlala ke bemlalele.

2 Kwabonakala kukho ndoda ithile phambi kwakhe, inesifo somlambo.

3 Waza ke uYesu wabuza kubachazi-mthetho nabaFarasi, esithi: “Ngaba kuvumelekile na ukuphilisa ngoMhla woPhumlo?”

4 Bathi cwaka ke bona. Wayithatha ke indoda leyo, wayiphilisa, wayindulula,

5 wathi kubo: “Ngaba ngubani na kuni ongayi kuthi, yakweyela equleni inkwenkwe yakhe okanye inkomo yakhe, angayikhuphi kwangoko, nokuba kungoMhla wokuPhumla?”

6 Bakhohlwa kukumphendula kwezo zinto.

UYesu ucebisa omenywayo nomemayo

7 Akuyibona indlela abamenyiweyo abazisukela ngayo izihlalo eziphambili, uYesu uthethe umzekeliso kubo, esithi:

8 “Xa uthe wamenyelwa emsithweni ngumntu, uze ungayi kuhlala kwesona sihlalo siphambili, hleze kuthi kanti ohloniphekileyo kunawe naye umenyiwe,

9 eze ke lowo unimemileyo aze athi kuwe: ‘Khawudedele lo mntu.’ Ke wena uya kunyoshoza, uye kuhlala kwindawo esekugqibeleni.

10 Ke ngoko, xa uthe wamenywa, uze uye kuhlala kwindawo esekugqibeleni, ze kuthi akufika lowo ukumemileyo, athi kuwe: ‘Sihlobo, nyukela ngasentla.’ Wothi ke uhlonelwe ngabo bonke abo unabo emsithweni;

11 kaloku wonke umntu oziphakamisayo uya kuthotywa, nozithobayo uya kuphakanyiswa.”

12 UYesu ke wabhekisa kulowo wayemmemile, wathi: “Xa ubizela abantu esidlweni, uze ungamemi zihlobo zakho, nabantakwenu, nazizalwane zakho, nabamelwane bakho abazizityebi, hleze nabo baphinde bakumeme, kuze oko kube yimbuyekezo kuwe.

13 Yithi xa wena unesidlo, umeme amahlwempu, iziqhwala, izilima, neemfama.

14 Wosikeleleka ke, kuba àbanako ukuphinda bakumeme bona – wena wobuyekezwa ekuvukeni kwamalungisa.”

Umzekeliso ngesidlo esikhulu

15 Ke kaloku, akuziva ezo zinto omnye kwabo babesemsithweni kunye noYesu, wathi kuye: “Unoyolo lowo uxhamla ubuncwane esidlweni solawulo lukaThixo.”

16 Waza ke yena wathi kuye: “Umntu othile wênza isidlo esikhulu, wamema abantu abaninzi.

17 Ngexesha lesidlo uthume isicaka sakhe ukuba siye kuxelela abamenyiweyo ukuba beze, kuba konke kwakusekulungisiwe.

18 Baza ke bonke ngabanye bazilandula, owokuqala esithi kuye: ‘Ndithenge intsimi. Kufuneka ndiphume ndiye kuyibona. Ndiyakucela, ndixolele; andiphumeleli.’

19 Omnye wathi: ‘Ndithenge iinkabi ezilishumi. Ndisaya kuziva. Ndiyakucela, ndixolele; andiphumeleli.’

20 Nomnye wathi: ‘Ndisand' ukutshata. Ngenxa yoko andinakuza.’

21 Ke isicaka eso sibuyele enkosini yaso, sayixelela ezo zinto. Waza waqumba umnini-ndlu, wathi kwisicaka sakhe: ‘Khawuleza uye ezitalatweni nasezirhangeni zedolophu, uqokelele amahlwempu nezilima neemfama neziqhwala.’

22 Saza isicaka sathi: ‘Nkosi, kwenzeké njengoko uyalele, kanti indawo isekho.’

23 Yathi inkosi kwisicaka eso: ‘Phuma uye ezindleleni, nasezindledlaneni, ubanyanzele bangene, ukuze indlu yam izale.

24 Inene, akukho namnye kuloo madoda abemenyiwe iya kusiva isidlo sam.’ ”

Ukulandela uYesu nokuzincama

25 Kwakukho isihlwele sihamba noYesu, waza wajika wathi kuso:

26 “Ukuba ubani uza kum, angancami uyise, nonina, nomfazi, nabantwana, nabantakwabo, noodade wabo, ewe, kwanobakhe ubomi obu, akanakuba ngumfundi wam.

27 Nosukuba engawuthwali umnqamlezo wakhe andilandele, akanakuba ngumfundi wam.

28 “Kaloku nguwuphi na kuni othi, efuna ukwakha inqaba, angàthi kuqala ahlale phantsi, abale indleko, ethelekelela ukuba unazo na izinto zokuyigqiba?

29 Kungenjalo, kunokuthi selesenzile isiseko, angabi nako ukugqiba, baze bonke ababonelayo bahlekise ngaye,

30 besithi: ‘Lo mntu waqala ukwakha, wakhohlwa kukugqiba.’

31 “Kananjalo nguwuphi na ukumkani onokuthi esiya kuqubisana nomnye emfazweni, angàthi nqumama, abhunge kuqala ukuba unako na ukumelana notshaba olumkhawulelayo lungamashumi amabini amawaka lona, enashumi linye lamawaka amajoni kuphela nje yena?

32 Ukuba ke akanako, uthi esekude omnye ukumkani, athumele izigidimi, acele imiqathango yoxolo.

33 Ngokukwanjalo ke, wonke umntu kuni ongazishiyiyo zonke izinto anazo, akanakuba ngumfundi wam.”

Ityiwa engenasongo

34 “Ityiwa ilungile, kodwa ukuba ithe ayaba nasongo noyithini na ukuyibuyisela isongo?

35 Ayiwulungelanga umhlaba, ingawulungelanga nomgquba. Iyalahlwa. Oneendlebe zokuva makeve.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24