Uluka 24 XHO96

Ukuvuka kukaYesu

1 Kwakusekusasa ngeCawe ukunduluka kwâbo bafazi besiya engcwabeni, bephethe iziqholo ababezilungisile.

2 Balifumana ilitye liqengqiwe, lisusiwe engcwabeni.

3 Bakuba bengenile, abawufumananga umzimba weNkosi uYesu.

4 Kwathi, besakhohliwe yile nto, kwathi gqi amadoda amabini ngakubo, enezambatho ezibengezelayo.

5 Basuka boyika abafazi, baqondela phantsi, aza athi loo madoda: “Yini na ukuba ophilayo nimfune kwabafileyo? [

6 Akakho apha, uvukile.] Khumbulani awakuthetha kuni esekwelaseGalili,

7 esithi: ‘*UNyana woLuntu umelwe kukunikelwa ezandleni zaboni, abethelelwe emnqamlezweni, athi ngomhla wesithathu abuye avuke.’ ”

8 Bawakhumbula ke amazwi akhe.

9 Bebuyile engcwabeni abafazi abo bazixela zonke ezo zinto kubafundi abalishumi elinanye nakubo bonke abanye.

10 YayinguMariya waseMagadala, noYohana, noMariya unina kaYakobi, nabanye abafazi ababenabo, abazixeláyo ezi zinto *kubathunywa.

11 Kubafundi oku kuthethwa ngaba bafazi kwaba ngathi kukulavuza, baza abakholwa. [

12 Kodwa yena uPetros usuke wabaleka, waya engcwabeni, wathi akukhangela, wabona ingubo yelinen iyodwa, waza wagoduka emangalisiwe koko kwenzekileyo.]

UYesu uzibonakalisa e-Emawusi

13 Kwangaloo mini kwasuka abafundi ababini baya e-Emawusi, idolophana emalunga neekhilomitha ezilishumi elinambini ukusuka eJerusalem.

14 Babethetha ngako konke okwakuthe kwenzeka.

15 Kwathi besathetha bebuzana, uYesu ngenkqu wasondela wahamba nabo,

16 kodwa bembona nje, kwasitheliswa kubo ukuba bamnakane.

17 UYesu ke wathi kubo: “Zizinto zini na ezi nihamba nincokola ngazo?”Bema ke bematshekile;

18 waza waphendula omnye, lo ugama linguKleyopa, wathi kuye: “Nguwe kuphela na kwababekho eJerusalem ongazaziyo izinto ezenzeke khona kwezi ntsuku?”

19 Wathi kubo: “Zinto zini na?”Bathi bona kuye: “Ezo zingoYesu waseNazarete, *owayengumshumayeli onamandla amakhulu ekwenzeni imiqondiso nasekuthetheni, engqinelwa nguThixo nangabo bonke abantu.

20 Ababingeleli abaziintloko nabaphathi bethu bamnikela ukuba agwetyelwe ukufa, waza wabethelelwa emnqamlezweni.

21 Ke thina besithembe ukuba nguye owokhulula uSirayeli. Kunjalo nje namhlanje lusuku lwesithathu zenzekile ezo zinto.

22 Kanti abafazi abathile beqela lethu, abathe baya engcwabeni kwakusasa, basothusile,

23 kuba bengawufumani umzimba wakhe, babuye besithi babone umbono wezithunywa ezithi uyaphila.

24 Basuka nabanye bethu, baya engcwabeni, bafika kunjengoko babetshilo abafazi. Ke yena abambonanga.”

25 Waza uYesu wathi kubo: “Ninje na kanti ukungaqondi! Nithatha kade kangaka na ukukholwa kuko konke abâkuthetháyo *abashumayeli!

26 *UKrestu ebengamelwe na kukuthi abuve obu bunzima, aze anyuselwe ewongeni?”

27 Wabachazela kuzo zonke *iziBhalo iindawo ezithetha ngaye, eqalela kwiincwadi zikaMosis, waya kutsho kuzo zonke ezabashumayeli bamandulo.

28 Basondela ke kuloo dolophana babesiya kuyo, wanga uYesu uyagqitha;

29 baza bona bamcela besithi: “Hlala nathi, kuba kuyahlwa, nemini seyimkile.” Wangena ke ukuba ahlale nabo.

30 Wathi, esetafileni kunye nabo, wathatha isonka, wabulela, wasiqhekeza, wabanika.

31 Aqabuka amehlo abo, bamazi. Wathi shwaka yena kubo.

32 Baza bathi omnye komnye: “Iintliziyo zethu bezingavuthi na luvuyo xa ebethetha nathi endleleni esityhilela iziBhalo?”

33 Besuka kwangelo lixa, babuyela eJerusalem, babafumana abafundi abalishumi elinanye behlanganisene ndawonye kunye nâbo babenabo,

34 besithi: “Inene, iNkosi ivukile! Ibonakele kuSimon.”

35 Bakubalisa ke okwenzeke endleleni, nokutyhileka kweNkosi kubo xa yayiqhekeza isonka.

UYesu uzibonakalisa kubafundi bakhe

36 Ke kaloku, besazithetha ezi zinto, uYesu ngenkqu wema phakathi kwabo, [wathi kubo: “Uxolo malube nani.”]

37 Basuka bankwantya, baba babona into engengomntu ncam.

38 Wathi kubo: “Yini na ukuba nothuke? Kutheni na ukuba nibe nentandabuzo?

39 Khangelani izandla zam, niqonde ukuba ndim kanye. Ndiphatheni niqondisise ukuba ndingumntu, ndinenyama namathambo, njengoko nindibona ndinjalo.” [

40 Etshilo wababonisa izandla neenyawo zakhe.]

41 Ke kaloku, bâthi bengekakholwa, bemangalisiwe bevuya, wathi kubo: “Ninanto ityiwayo na apha?”

42 Bamnika intwana yentlanzi eyojiweyo,

43 wayithatha, wayitya bejongile.

44 UYesu ke wathi kubo: “Zizo ezi izinto endazithethayo kuni ndisenani, ndisithi zimelwe kukuzaliseka zonke izinto ezibhaliweyo ngam *emthethweni kaMosis, nasezincwadini *zabashumayeli, nasezindumisweni.”

45 Waza ke wazikhanyisela iingqondo zabo, ukuze baziqonde *iziBhalo;

46 wathi kubo: “Kubhalwe kwathiwa *uKrestu umelwe kukuthi eve ubunzima, abuye avuke kwabafileyo ngomhla wesithathu.

47 Kukwabhalwe kusithiwa zothi egameni lakhe zivakaliswe kuzo zonke iintlanga iindaba zenguquko noxolelo lwezono, kuqalelwa eJerusalem.

48 Nina ke ningamangqina ezi zinto.

49 Niyabona, mna ndilinika nina idinga likaBawo. Ze nihlale ke eJerusalem nide nixhotyiswe ngamandla avela phezulu.”

UYesu unyuselwa ezulwini

50 UYesu ke waphuma nabafundi bakhe, wabasa ngaseBhetani; waza waphakamisa izandla zakhe, wabasikelela.

51 Kwathi esabasikelela, wahlukana nabo, [wanyuswa wasiwa ezulwini].

52 Ke bona [bakuba bequbudile,] babuyela eJerusalem benovuyo olukhulu;

53 baza basoloko bekho *endlwini kaThixo, bembonga uThixo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24