Uluka 2 XHO96

Ukuzalwa kukaYesu Krestu

1 Kwathi ngaloo mihla kwaphuma ummiselo *kuKhesare Agasto othi lonke elimiweyo malibhalise.

2 Olu bhaliso lokuqala lwabakho uKireniyo eyirhuluneli yaseSiriya.

3 Babesithi ke bonke baye kubhalisa, elowo kweyakowabo idolophu.

4 UJosefu ke waphuma kwelaseGalili, kwidolophu iNazarete, waya kwelakwaJuda, kwidolophu kaDavide eyiBhetelehem, kuba wayengowomlibo kaDavide.

5 Wayesiya kubhalisa, enoMariya owayesendela kuye. Yena wayeselekhulelwe,

6 kwaza kwathi belapho lafika ixesha lokubeleka kwakhe.

7 Wamzala ke unyana wakhe wamazibulo, wamsongela eziqhiyeni, wamlalisa emkhumbini wesitali, kuba kwakungekho ndawo endlwini yabahambi.

Abelusi nezithunywa

8 Kwakukho abelusi kwakweso sithili, behlala ezindle, belinda imihlambi yabo ebusuku.

9 Babona isithunywa seNkosi simi ngakubo, bathi nobuqaqawuli beNkosi bababengezelela ngeenxa zonke. Baza boyika kakhulu.

10 Isithunywa ke sathi kubo: “Musani ukoyika; kaloku ndinizisele iindaba ezimnandi zovuyo olukhulu oluya kuba kubo bonke abantu.

11 Namhlanje, edolophini kaDavide, nizalelwe uMsindisi *onguKrestu iNkosi.

12 Nantsi into eyoba ngumqondiso kuni: nofumana usana lusongelwe eziqhiyeni, lulele emkhumbini wesitali.”

13 Ngequbuliso kwabakho inkitha yezithunywa zezulu, ikunye nesithunywa eso, idumisa uThixo, isithi:

14 “Makadunyiswe uThixo kweliphezulu,kube luxolo emhlabeni kubantu abamkholisayo.”

15 Zakuba zimkile izithunywa, zisiya ezulwini, abelusi abo bathi omnye komnye: “Masihambe siye eBhetelehem, siyibone le nto ihlileyo, le siyazisiweyo yiNkosi.”

16 Bakhawuleza ke baya, bafika kuMariya noJosefu, kwanalo usana lulele emkhumbini wesitali.

17 Bathi bakuba bebonile, bawabhengeza amazwi awayethethwe kubo ngaye lo mntwana;

18 baza bonke abawevileyo bamangaliswa zezo zinto zazithethwa kubo ngabelusi.

19 Yena uMariya wazigcina zonke ezo zinto entliziyweni yakhe, wamana ezetyisa.

20 Abelusi ke babuyela emihlambini yabo, becula bedumisa uThixo ngenxa yazo zonke izinto ababezivile bazifumana zinjengoko zazixeliwe.

UYesu usiwa endlwini kaThixo

21 Akuba ntsuku zisibhozo umntwana ezelwe, kungumhla wokwaluswa kwakhe, uthiywe igama *elinguYesu, elo wayelithiyiwe sisithunywa sezulu engekakhawulwa nokukhawulwa.

22 Zakuba ke zifezekile iintsuku zokuhlanjululwa kwabo *ngokomthetho kaMosis, uJosefu noMariya benyuka naye uYesu, baya eJerusalem, ukuze bamnikele eNkosini,

23 njengoko kubhaliwe emthethweni weNkosi kwathiwa: “Yonke into eliduna eyeyamazibulo mayinikelwe eNkosini.”

24 Babesiya kwenza nomnikelo, njengoko kusitshiwo emthethweni weNkosi ukuthi: “Makunikelwe ngesibini samahobe, nokuba ngamathole amabini evukuthu.”

25 EJerusalem apho kwakukho umntu ogama linguSimon. Wayelilungisa, emhlonela uThixo, elindele ukuthuthuzelwa kwamaSirayeli, enefuthe likaMoya oyiNgcwele.

26 Wayetyhilelwe nguMoya oyiNgcwele ukuba akayi kufa engekamboni uKrestu weNkosi.

27 Waya endlwini kaThixo, ethunywa nguMoya. Kwathi ke, akungeniswa uYesu ngabazali bakhe, befezekisa umthetho,

28 uSimon wamfunqula, wabonga uThixo, wathi:

29 “Nkosi, ngokwesithembiso sakho,uyasikhulula ngoku isicaka sakho sinoxolo,

30 kuba amehlo am alubonile usindiso lwakho,

31 olulungiselele bonke abantu,

32 ulukhanyiso lokukhanyisela iintlanga,lubalula abantu bakho amaSirayeli.”

33 Abazali bakhe bamangaliswa zezo zinto zithethwayo ngoYesu.

34 USimon wabasikelela, wathi kuMariya unina: “Uyabona, lo Mntwana umiselwe ukuwa nokuvuka kwabaninzi kwaSirayeli, nokuba abe ngumqondiso ochasiweyo,

35 ze ngale nkcaso kutyhileke iingcamango zabaninzi. Kanti ke nowakho umphefumlo uya kubindeka.”

36 Kwalapho kwakukho nentokazi *eyayingumshumayeli, uAna, intombi kaFanuweli wendlu ka-Ashere. Wayeselaluphele kakhulu. Akuba endile, uhleli iminyaka esixhenxe kuphela kunye nendoda yakhe,

37 waza waphila de waba minyaka imashumi asibhozo anane engumhlolokazi. Wayengapheli endlwini kaThixo, ekhonza uThixo ngokuzila ukutya nangokuthandaza ebusuku nasemini.

38 Wasondela ke ngelo lixa uAna, wathelela ekudumiseni uThixo. Wayethetha ngoMntwana lowo kubo bonke ababelindele ukukhululwa kweJerusalem.

39 Bakuba ke bezifezekisile zonke izinto ngokomthetho weNkosi, babuyela eNazarete, idolophu yakowabo kwelaseGalili.

UYesu phakathi kwabafundisi

40 Ke kaloku uYesu wakhula, waya esomelela, enobulumko obukhulu, ubabalo lukaThixo lunaye.

41 Abazali bakhe babehambela eJerusalem minyaka le, besiya kwitheko *lePasika.

42 Kuthe ke xa uYesu wayeminyaka ilishumi elinambini ezelwe, baya ePasikeni eJerusalem ngokwesiqhelo.

43 Zakuba zigqithile iintsuku zelo theko, bagoduka, kanti uYesu usele eJerusalem. Phofu babengaqondi abazali bakhe.

44 Babeba usemxukuxeleni wabahambi, baza bahamba uhambo lwamini-nye. Bamana bemfuna ke phakathi kwezizalwane nabazana nabo.

45 Bathe bakungamfumani babuyela eJerusalem bemfuna.

46 Kwathi ke emva kweentsuku ezintathu bamfumana *endlwini kaThixo, ehleli nabafundisi, ebaphulaphula, ebabuza nokubabuza.

47 Bonke abamváyo babemangalisiwe yingqondo yakhe naziimpendulo zakhe.

48 Abazali bakhe bakumbona bathi manga, unina wathi kuye: “Mntanam, yini na ukuba usenjenje? Uyabona, uyihlo nam besikufuna sixhalabile.”

49 Wathi kubo uYesu: “Benindifunela ntoni na? Beningazi na ukuba ndimelwe kukuba sendlwini kaBawo?”

50 Ke bona abayiqondanga into awayeyithetha kubo.

51 Wahamba nabo, waya kufika eNazarete. Wayebalulamela abazali bakhe. Wazigcina unina ezo zinto entliziyweni yakhe.

52 UYesu ke wakhula ngesithomo nangobulumko, ebabalwa nguThixo, ethandwa ngabantu.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24