43 Bendiyintoni na kakade, ukuba ndide ndihanjelwe ngunina weNkosi yam?
44 Yaz' ukuba, kuthe ndakuwuva umbuliso wakho, lwasuka usana lwaxhuma luvuyo esiswini sam.
45 Unoyolo lowo ukholiweyo, kuba ilizwi elithunyelwe kuye yiNkosi liya kuzaliseka.”
46 Wavakala uMariya esithi:“Umphefumlo wam uyayibonga iNkosi;
47 ndaye ndigcobile ngoThixo uMsindisi wam;
48 kuba wakuphawula ukuthobeka kwesicakazana sakhe.Ewe, ukususela ngoku zonke izizukulwana zothi ndingonoyolo,
49 kuba undenzele izinto ezinkulu uSomandla,yena ogama lakhe lingcwele,