44 Yaz' ukuba, kuthe ndakuwuva umbuliso wakho, lwasuka usana lwaxhuma luvuyo esiswini sam.
45 Unoyolo lowo ukholiweyo, kuba ilizwi elithunyelwe kuye yiNkosi liya kuzaliseka.”
46 Wavakala uMariya esithi:“Umphefumlo wam uyayibonga iNkosi;
47 ndaye ndigcobile ngoThixo uMsindisi wam;
48 kuba wakuphawula ukuthobeka kwesicakazana sakhe.Ewe, ukususela ngoku zonke izizukulwana zothi ndingonoyolo,
49 kuba undenzele izinto ezinkulu uSomandla,yena ogama lakhe lingcwele,
50 yena onceba yakhe ikwizizukulwana ngezizukulwana zâbo bamoyikayo.