52 Iinganga wazithoba kumawonga azo,waza abathobekileyo wabaphakamisa.
53 Wahluthisa abalambileyo ngezinto ezilungileyo,wathi abazizityebi wabandulula belambatha.
54 Wamxhasa uSirayeli umkhonzi wakhe,akayilibala inceba yakhe
55 awayethembise ngayo koobawo bethu,kuAbraham nakwinzala yakhe ngonaphakade.”
56 UMariya ke wahlala noElizabhete iinyanga ngathi zaba ntathu, waza wagoduka.
57 Lafika ke ixesha lokuba uElizabhete abeleke, waza wazala unyana.
58 Bakuva abamelwane bakhe nezizalwana zakhe ngale nceba ingaka ayenzelwe yiNkosi, bavuyisana naye.