66 Bathi bonke abayivayo bayimilisela ezingqondweni, besithi: “Yaz'ba, uya kuba yintoni na lo mntwana?” Kuba kaloku amandla eNkosi ayenaye.
67 UZakariya uyise wazala nguMoya oyiNgcwele, watyibela wathi:
68 “Mayibongwe iNkosi, uThixo kaSirayeli,kuba ibavelele yabakhulula abantu bayo;
69 kwaDavide isicaka sayo isivelisele uMsindisi otshatsheleyo.
70 Nguwo lo umlomo wayo wamhla-mneneoweza *ngabashumayeli bayo abangcwele,
71 ithembisa ukusisindisa ezintshabeni zethu,nasesandleni sabo bonke abasithiyileyo;
72 isithi yobenzela inceba oobawo bethu,iwukhumbule umnqophiso wayo ongcwele,