11 ‘Nothuli olu lwedolophu yenu olusezinyaweni zethu, siluvuthululela kuni. Kodwa ke kwazini oku: Ulawulo lukaThixo luthwasile!Okanye: “Ubukumkani bukaThixo busondele”’
12 Ngoko ke ndithi kuni, ngomhla womgwebo soba nganeno isohlwayo seSodom kunesaloo dolophu.”
13 “Mawoo, wena Korazin! Mawoo, nawe Bhetesayida! Ukuba imimangaliso eyenzeke kuni yayenzeke eTire naseSidon, abalapho ngebaguqukayo kwakudala, bahlala phantsi bambethe ezirhwexayo, bezigalele uthuthu.
14 Ewe, ngomhla wokugwetywa soba nganeno isohlwayo seTire neseSidon kunesenu.
15 Wena Kapernahum, unga ungaphakanyiselwa ezulwini na? Hayi, uya kuphoswa phantsi kwelabafileyo.”
16 Wathi ke kubafundi bakhe: “Lowo univayo, uva mna; nalowo unganamkeliyo, akamkeli mna. Ke ongandamkeliyo mna, akamkeli lowo undithumileyo.”
17 Babuya ke abafundi abangamashumi asixhenxe anambini, bevuya, besithi: “Nkosi, neendimoni ezi sizoyisile ngegama lakho.”