7 Hlalani ke kwakuloo ndlu, nitye nisele oko nikunikwayo; kuba umsébenzi uwufanele umvuzo wakhe. Musani ukuthi nihleli ndlwini ithile, nimke kuyo, niye kuhlala kwenye kwalapho.
8 Edolophini ke enithe nangena kuyo, baza banamkela, kutyeni ukutya enikunikwayo,
9 niyiphilise imilwelwe elapho, nithi kubo: ‘Luthwasile ulawulo lukaThixo!’
10 Kuloo dolophu nithe nangena kuyo, baza àbanamkela, ze niphume niye ezitalatweni zayo, nithi:
11 ‘Nothuli olu lwedolophu yenu olusezinyaweni zethu, siluvuthululela kuni. Kodwa ke kwazini oku: Ulawulo lukaThixo luthwasile!Okanye: “Ubukumkani bukaThixo busondele”’
12 Ngoko ke ndithi kuni, ngomhla womgwebo soba nganeno isohlwayo seSodom kunesaloo dolophu.”
13 “Mawoo, wena Korazin! Mawoo, nawe Bhetesayida! Ukuba imimangaliso eyenzeke kuni yayenzeke eTire naseSidon, abalapho ngebaguqukayo kwakudala, bahlala phantsi bambethe ezirhwexayo, bezigalele uthuthu.