41 Ngoko ke yiphani abasweleyo izinto ezingaphakathi kwindebe nesitya. Nakwenjenjalo ke aniyi kuphinda nizikhathaze ngezinto ezinomlaza nezingenawo.
42 “Mawoo, nina baFarasi! Ninikela kuThixo ngesishumi semifuno enjengetyeleba nenxina neminye, kanti niyabutyeshela ubulungisa nokumthanda uThixo. Benimelwe kakade kukuzenza ezi zinto, kodwa nezinye ningazityesheli.
43 “Mawoo, nina baFarasi! Nithanda izihlalo eziphambili *ezindlwini zesikhungo, nokukhahlelwa emabaleni embutho.
44 Mawoo, nina! Ninjengamangcwaba angasabonakaliyo, abathi abantu bahambe phezu kwawo bengawazi.”
45 Waphendula ke othile wakubachazi-mthetho, wathi kuye: “Mfundisi, uthetha ngolu hlobo nje, uyasigxeka nathi.”
46 Uthe ke yena uYesu: “Mawoo, nani bachazi-mthetho! Abantu nibathwalisa imithwalo enzima, kanti nina le mithwalo aniyichukumisi nokuyichukumisa nangomnwe lo.
47 Mawoo! Nina nihombisa amangcwaba abashumayeli bamandulo, ukanti bâbuláwa ngooyihlo.