43 “Mawoo, nina baFarasi! Nithanda izihlalo eziphambili *ezindlwini zesikhungo, nokukhahlelwa emabaleni embutho.
44 Mawoo, nina! Ninjengamangcwaba angasabonakaliyo, abathi abantu bahambe phezu kwawo bengawazi.”
45 Waphendula ke othile wakubachazi-mthetho, wathi kuye: “Mfundisi, uthetha ngolu hlobo nje, uyasigxeka nathi.”
46 Uthe ke yena uYesu: “Mawoo, nani bachazi-mthetho! Abantu nibathwalisa imithwalo enzima, kanti nina le mithwalo aniyichukumisi nokuyichukumisa nangomnwe lo.
47 Mawoo! Nina nihombisa amangcwaba abashumayeli bamandulo, ukanti bâbuláwa ngooyihlo.
48 Nina ke nibonakalisa ukuvumelana kwenu nooyihlo, kuba bona bababulala *abashumayeli, kanti nina nihombisa amangcwaba abo.
49 Kungoko uThixo ngokobulumko bakhe atshoyo ukuthi: ‘Ndiya kuthumela abashumayeli nabathunywa ebantwini; inxenye baya kuyibulala, inxenye baya kuyitshutshisa.’