17 Akuba etshilo, basuka badana bonke ababechasene naye. Ke sona isihlwele sasivuya ngenxa yazo zonke izinto ezintle awayezenza.
18 Ke uYesu wathi: “Lufana nantoni na ulawulo lukaThixo? Ndingaluzekelisa ngamzekeliso mni na?
19 Lufana nokhozo lwembewu yemostade, awaluthathayo umntu, waluhlwayela esitiyeni sakhe, lwaza lwakhula lwaba ngumthi, zathi iintaka zakha iindlwane zazo emasebeni awo.”
20 UYesu waphinda wathi: “Ndingaluzekelisa ngamzekeliso mni na ulawulo lukaThixo?
21 Lufana negwele, awalithathayo umfazi, walixovulela kumgubo ozizitya ezithathu, laza layinyusa yonke intlama.”
22 UYesu wacanda kwiidolophu needolophana, ehamba efundisa, esinga eJerusalem.
23 Umntu othile wathi kuye: “Nkosi, bambalwa na abo basindiswayo?”UYesu ke wathi kubo: