18 Ke uYesu wathi: “Lufana nantoni na ulawulo lukaThixo? Ndingaluzekelisa ngamzekeliso mni na?
19 Lufana nokhozo lwembewu yemostade, awaluthathayo umntu, waluhlwayela esitiyeni sakhe, lwaza lwakhula lwaba ngumthi, zathi iintaka zakha iindlwane zazo emasebeni awo.”
20 UYesu waphinda wathi: “Ndingaluzekelisa ngamzekeliso mni na ulawulo lukaThixo?
21 Lufana negwele, awalithathayo umfazi, walixovulela kumgubo ozizitya ezithathu, laza layinyusa yonke intlama.”
22 UYesu wacanda kwiidolophu needolophana, ehamba efundisa, esinga eJerusalem.
23 Umntu othile wathi kuye: “Nkosi, bambalwa na abo basindiswayo?”UYesu ke wathi kubo:
24 “Zamani ukungena ngesango elimxinwa. Ndithi kuni, baninzi abaya kufuna ukungena, bangabi nako.