21 Lufana negwele, awalithathayo umfazi, walixovulela kumgubo ozizitya ezithathu, laza layinyusa yonke intlama.”
22 UYesu wacanda kwiidolophu needolophana, ehamba efundisa, esinga eJerusalem.
23 Umntu othile wathi kuye: “Nkosi, bambalwa na abo basindiswayo?”UYesu ke wathi kubo:
24 “Zamani ukungena ngesango elimxinwa. Ndithi kuni, baninzi abaya kufuna ukungena, bangabi nako.
25 “Xa selethe waphakama umninindlu, wavala emnyango, nothi nina, nime ngaphandle, ninkqonkqoze emnyango, nisithi: ‘Nkosi, sivulele.’ Wophendula ke umninindlu, athi kuni: ‘Andinazi apho nivela khona.’
26 Ke ngoko nina nothi: ‘Kaloku sikhe satya, sasela, ukho nawe; nawe wafundisa ezitalatweni zethu.’
27 Kodwa yena wothi: ‘Inene, andinazi apho nivela khona. Mkani kum, nina nonke benzi bobubi.’