1 Ke kaloku into eninzi yabaqokeleli-rhafu *naboni yasondela kuYesu, yamngqonga ukuba imphulaphule.
2 *AbaFarasi nabachazi-mthetho babekhalaza, besithi: “Lo mfo uthene nca naboni; utya nabo.”
3 Waza ke uYesu wenza umzekeliso wathi:
4 “Nguwuphi na kuni onokuthi enekhulu leegusha, kuze kulahleke enye kuzo, angazishiyi endle ezo zimashumi alithoba anethoba, aye kufuna leyo ilahlekileyo, ade ayifumane?
5 Hayi ukuvuya kwakhe ke akuba eyifumene! Woyithwala emagxeni,
6 athi akufika ekhaya, abizele ndawonye abahlobo nabamelwane, esithi kubo: ‘Vuyisanani nam, kuba ndiyifumene igusha yam ebilahlekile.’