15 Ke yona yaya kusebenza komnye kubemi belo zwe, owathi yena wayithumela emasimini akhe ukuba iye kwalúsa iihagu.
16 Ke ibinqwenela ukutya amaxolo awayetyiwa ziihagu ezo, kodwa kwakungekho mntu uyiphayo.
17 Ke kaloku, yakubuyela ezingqondweni, yathi: ‘Kanene bangakanani na abaqeshwa bakabawo abahlutha sisonka, kanti ndim lo mna ndisifa yindlala!
18 Ndiya kusuka ndiye kubawo, ndithi kuye: Bawo, ndimonile uThixo, nawe ndikonile.
19 Andisafanelanga nokuba kuthiwe ndingunyana wakho, ndénze ndibe njengomnye wabaqeshwa bakho.’
20 Yesuka ke, yaya kuyise.“Ke kaloku kwathi, isekude lee, uyise wayibona, wavelana nayo, wayikhawulela, wayigona, wayanga.
21 Ke unyana wathi kuye: ‘Bawo, ndimonile uThixo, nawe ndikonile. Andisafanelanga nokuba kuthiwe ndingunyana wakho.’