18 Ndiya kusuka ndiye kubawo, ndithi kuye: Bawo, ndimonile uThixo, nawe ndikonile.
19 Andisafanelanga nokuba kuthiwe ndingunyana wakho, ndénze ndibe njengomnye wabaqeshwa bakho.’
20 Yesuka ke, yaya kuyise.“Ke kaloku kwathi, isekude lee, uyise wayibona, wavelana nayo, wayikhawulela, wayigona, wayanga.
21 Ke unyana wathi kuye: ‘Bawo, ndimonile uThixo, nawe ndikonile. Andisafanelanga nokuba kuthiwe ndingunyana wakho.’
22 Kodwa uyise wathi kwizicaka zakhe: ‘Khawulezisani, nize nesona sambatho sihle, nimambathise, nifake umsesane emnweni wakhe, nezihlangu ezinyaweni zakhe.
23 Ze ke nize nelaa thole lityetyisiweyo, nilixhele, sitye sichwayite;
24 kuba lo nyana wam ubefile, wabuya waphila; ubelahlekile, wafunyanwa.’ Baza ke bona bachwayita.