21 Ke unyana wathi kuye: ‘Bawo, ndimonile uThixo, nawe ndikonile. Andisafanelanga nokuba kuthiwe ndingunyana wakho.’
22 Kodwa uyise wathi kwizicaka zakhe: ‘Khawulezisani, nize nesona sambatho sihle, nimambathise, nifake umsesane emnweni wakhe, nezihlangu ezinyaweni zakhe.
23 Ze ke nize nelaa thole lityetyisiweyo, nilixhele, sitye sichwayite;
24 kuba lo nyana wam ubefile, wabuya waphila; ubelahlekile, wafunyanwa.’ Baza ke bona bachwayita.
25 “Ke yona inkulu yayivela emasimini, kwathi yakusondela endlwini, yeva iingoma nokududa.
26 Yabizela kuyo esinye kwizicaka, yasibuza ukuba kwenzeka ntoni na.
27 Isicaka sathi kuyo: ‘Umninawe wakho ubuyile. Ke uyihlo uxhele elaa thole lityetyisiweyo, kuba ebuye wamzuza ephilile.’