5 Hayi ukuvuya kwakhe ke akuba eyifumene! Woyithwala emagxeni,
6 athi akufika ekhaya, abizele ndawonye abahlobo nabamelwane, esithi kubo: ‘Vuyisanani nam, kuba ndiyifumene igusha yam ebilahlekile.’
7 Ndiyanixelela ukuba ngokukwanjalo kuya kubakho uvuyo ezulwini nangomoni omnye oguqukayo kunamashumi alithoba anethoba lamalungisa angaswelanga nguquko.”
8 “Kananjalo nguwuphi na umfazi onokuthi eneenkozo zemali ezilishumi, kuze kulahleke lube lunye kuzo, angalumeki isibane, atshayele indlu, afunisise enyamekile, ade alufumane?
9 Akulufumana ke, ubabizela ndawonye abahlobo nabamelwane, athi: ‘Vuyisanani nam; ndilufumene ukhozo lwemali obelulahlekile.’
10 Ngokunjalo ndithi kuni kuya kubakho uvuyo kwizithunywa zikaThixo ngomoni omnye oguqukayo.”
11 Waqhuba uYesu wathi: “Umntu othile wayenoonyana ababini.