3 Zilumkeleni.“Ukuba uwenu uthe wakona, mkhalimele; ke ukuba uthe wazohlwaya, mxolele.
4 Nokuba uthe wakona kasixhenxe ngemini, waza wabuyela kuwe kasixhenxe ngemini, esithi: ‘Ndiv' intw' embi, ndixolele;’ wena uze umxolele.”
5 *Abathunywa bâthi kuyo iNkosi: “Sandisele ukholo.”
6 Ke iNkosi yathi: “Ukuba beninokholo olungangokhozo lwembewu yemostade, beninokuthi kulo mthi: ‘Ncothuka, umiliseleke phakathi elwandle;’ uze unive.”
7 “Nguwuphi na kuni onokuthi enesicaka silima okanye sisalusa, kuthi sakufika isicaka sivela emasimini, athi kuso kwangoko: ‘Hlala phantsi, utye’?
8 Úya kuthi: ‘Ndilungiselele into etyiwayo, ubhinqe, undiququzelele nditye ndisele; ze ke emva koko utye usele nawe.’
9 Isicaka asibulelwa ngokwenza loo nto siyimiselweyo, anditsho?