5 *Abathunywa bâthi kuyo iNkosi: “Sandisele ukholo.”
6 Ke iNkosi yathi: “Ukuba beninokholo olungangokhozo lwembewu yemostade, beninokuthi kulo mthi: ‘Ncothuka, umiliseleke phakathi elwandle;’ uze unive.”
7 “Nguwuphi na kuni onokuthi enesicaka silima okanye sisalusa, kuthi sakufika isicaka sivela emasimini, athi kuso kwangoko: ‘Hlala phantsi, utye’?
8 Úya kuthi: ‘Ndilungiselele into etyiwayo, ubhinqe, undiququzelele nditye ndisele; ze ke emva koko utye usele nawe.’
9 Isicaka asibulelwa ngokwenza loo nto siyimiselweyo, anditsho?
10 Ngokukwanjalo nani, xa nithe nazenza zonke izinto enizimiselweyo, yithini: ‘Sizizicaka nje; senzé oko besimelwe kukukwenza.’ ”
11 Ke kaloku ekuhambeni kukaYesu esiya eJerusalem, ucande phakathi kwelamaSamariya nelaseGalili.