13 “Ke yena umqokeleli-rhafu wayemi qelele, engathandi nokuwaphakamisela ezulwini amehlo akhe. Wayemana eziphothula izandla, esithi: ‘Thixo, yiba netarhu kum, mna moni.’
14 Inene, wagoduka umqokeleli-rhafu lowo elilungisa kuThixo kunomFarasi lowo; kuba kaloku wonke umntu oziphakamisayo uya kuthotywa, nozithobayo uya kuphakanyiswa.”
15 Abantu babesiza neentsana zabo kuYesu ukuze azibeke izandla. Beyibonile loo nto, abafundi babakhalimela.
16 Ke yena uYesu wazibizela kuye iintsana, esithi: “Bayekeni abantwana beze kum, ningabanqandi, kuba ábalawulwa nguThixo ngabanjengabo.
17 Ndithi kuni, inene, othe akakuthobela njengomntwana ukulawulwa nguThixo, soze abuve ubuncwane bolo lawulo.”
18 Umphathi othile wabuza kuYesu esithi: “Mfundisi olungileyo, ndingenza ntoni na ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?”
19 UYesu wathi kuye: “Kutheni usithi ndilungile nje? Akukho mntu ulungileyo. Mnye kuphela olungileyo: nguThixo.