23 Ezivile ezo ndawo, wadana, kuba wayesisinhanha.
24 UYesu, ekubona ukudana kwakhe, wathi: “Hayi ubunzima bokuba izityebi zikuxhamle ukulawulwa nguThixo.
25 Kungâlula ukuba inkamela iphumele entunjeni yenaliti, kunokuba isityebi sixhamle ubuncwane bokulawulwa nguThixo.”
26 Abo bevayo ke bathi: “Ngubani ke onokusindiswa?”
27 Waza uYesu wathi: “Oko aba umntu akunakwenzeka, kunokwenziwa nguThixo.”
28 Ke uPetros wathi: “Khangela, thina sishiye zonke izinto sakulandela.”
29 Waza uYesu wathi kubo: “Ndithi kuni, inene, akukho namnye ushiye indlu, nokuba ngumfazi, nokuba ngabantakwabo, nokuba ngabazali, nokuba ngabantwana, ngenxa yokufuna ukulawulwa nguThixo,