34 Ke bona abafundi abaqondanga nento le kwezi zinto. Intsingiselo yala mazwi yayifihlakele kubo, bengazazi ezi zinto azithethayo.
35 Kwathi, ekusondeleni kukaYesu eJeriko, kwabakho mfama ithile, ihleli ngasendleleni ingqiba.
36 Yakuva kudlula isihlwele, yabuza ukuba ngaba yintoni na le.
37 Bayixelela bathi: “Kudlula uYesu waseNazarete.”
38 Yaza yabhomboloza isithi: “Yesu, Nyana kaDavide, ndenzele inceba!”
39 Abo babehamba ngaphambili bayikhalimela ukuba ithi tu, kodwa kwaba kukhona yona ikhwazayo ngakumbi, isithi: “Nyana kaDavide, ndenzele inceba!”
40 Wema uYesu, wathi imfama leyo mayiziswe kuye. Yakusondela ke wayibuza esithi: