35 Kwathi, ekusondeleni kukaYesu eJeriko, kwabakho mfama ithile, ihleli ngasendleleni ingqiba.
36 Yakuva kudlula isihlwele, yabuza ukuba ngaba yintoni na le.
37 Bayixelela bathi: “Kudlula uYesu waseNazarete.”
38 Yaza yabhomboloza isithi: “Yesu, Nyana kaDavide, ndenzele inceba!”
39 Abo babehamba ngaphambili bayikhalimela ukuba ithi tu, kodwa kwaba kukhona yona ikhwazayo ngakumbi, isithi: “Nyana kaDavide, ndenzele inceba!”
40 Wema uYesu, wathi imfama leyo mayiziswe kuye. Yakusondela ke wayibuza esithi:
41 “Ufuna ukuba ndikwenzele ntoni na?”Yathi imfama kuye: “Nkosi yam, ndicela ukuba ndibuye ndibone.”