20 “Seza nesinye, sathi: ‘Nkosi, nali ikhulu lakho. Bendilithandele ngelaphu,
21 kuba bendikoyika, ngokuba ungumntu ongqabalala; uthatha ongakubekanga, uvune ongakuhlwayelanga.’
22 Yathi kuso: ‘Ndiza kukugweba ngokuphuma emlonyeni wakho, sicakandini esikhohlakeleyo. Ubusazi nje ukuba ndingumntu ongqabalala, othatha angakubekanga, avune angakuhlwayelanga;
23 kutheni ke imali le yam ungayigcinisanga ebhankini, ze ke mna ekufikeni kwam ndiyifumane inenzala?’
24 “Yathi kwababemi ngakhona: ‘Mhlutheni ikhulu elo, nilinike lowo uneshumi lamakhulu.’
25 Ke bathi kuyo: ‘Nkosi, uneshumi lamakhulu!’
26 Yathi: ‘Inene, wonke umntu onolutho uya kunikwa; ongenanto ke, uya kuhluthwa kwanaloo nto anayo.