8 Waphakama uZakeyi, wathi kuyo iNkosi: “Khangela, isiqingatha sempahla yam, Nkosi, ndisinika amahlwempu. Kanti nokuba ndidle nto kabani na ngobuqhetseba, ndimbuyisela kane.”
9 Ke uYesu wathi kuye: “Namhlanje lufikile usindiso kule ndlu, kuba noZakeyi lo ungunyana ka-Abraham.
10 Kaloku yena *uNyana woLuntu wezela ukufuna kwanokusindisa abantu abalahlekileyo.”
11 UYesu wabenzela umzekeliso abo babemva ethetha ezi zinto. Wayeselekufuphi neJerusalem; baye bona besiba ulawulo lukaThixo loba seluzinzile ngelo xesha.
12 Ke wathi: “Inkosana ethile yahambela kwilizwe elikude, isiya kuthatha amagunya okulawula, iza kubuya ibuye.
13 Izibizile ke izicaka zayo ezilishumi, yazinika imali engangekhulu leerandi sisinye, yathi kuzo: ‘Rhwebani, ndide ndibuye.’
14 Ke bona abemi belizwe laloo nkosana babeyithiyile, baza bathuma izigidimi emva kwayo, besithi: ‘Asifuni ukuba lo abe ngukumkani wethu.’