16 Bakhawuleza ke baya, bafika kuMariya noJosefu, kwanalo usana lulele emkhumbini wesitali.
17 Bathi bakuba bebonile, bawabhengeza amazwi awayethethwe kubo ngaye lo mntwana;
18 baza bonke abawevileyo bamangaliswa zezo zinto zazithethwa kubo ngabelusi.
19 Yena uMariya wazigcina zonke ezo zinto entliziyweni yakhe, wamana ezetyisa.
20 Abelusi ke babuyela emihlambini yabo, becula bedumisa uThixo ngenxa yazo zonke izinto ababezivile bazifumana zinjengoko zazixeliwe.
21 Akuba ntsuku zisibhozo umntwana ezelwe, kungumhla wokwaluswa kwakhe, uthiywe igama *elinguYesu, elo wayelithiyiwe sisithunywa sezulu engekakhawulwa nokukhawulwa.
22 Zakuba ke zifezekile iintsuku zokuhlanjululwa kwabo *ngokomthetho kaMosis, uJosefu noMariya benyuka naye uYesu, baya eJerusalem, ukuze bamnikele eNkosini,