40 Ke kaloku uYesu wakhula, waya esomelela, enobulumko obukhulu, ubabalo lukaThixo lunaye.
41 Abazali bakhe babehambela eJerusalem minyaka le, besiya kwitheko *lePasika.
42 Kuthe ke xa uYesu wayeminyaka ilishumi elinambini ezelwe, baya ePasikeni eJerusalem ngokwesiqhelo.
43 Zakuba zigqithile iintsuku zelo theko, bagoduka, kanti uYesu usele eJerusalem. Phofu babengaqondi abazali bakhe.
44 Babeba usemxukuxeleni wabahambi, baza bahamba uhambo lwamini-nye. Bamana bemfuna ke phakathi kwezizalwane nabazana nabo.
45 Bathe bakungamfumani babuyela eJerusalem bemfuna.
46 Kwathi ke emva kweentsuku ezintathu bamfumana *endlwini kaThixo, ehleli nabafundisi, ebaphulaphula, ebabuza nokubabuza.