1 Kwathi ngenye imini, uYesu efundisa abantu *endlwini kaThixo, eshumayela iindaba ezimnandi, kwafika kuye ababingeleli abaziintloko, nabachazi-mthetho, namadoda amakhulu.
2 Bona bathetha naye besithi: “Khawutsho: ezi zinto uzenza ngagunya lini? Ingubani kakade okunike elo gunya?”
3 Waphendula ke wathi kubo: “Nam ndiza kunibuza umbuzo ube mnye; ze nindiphendule ke.
4 Ngaba ubhaptizo lukaYohane lwaluvela ezulwini, okanye lwaluvela ebantwini?”
5 Baxoxa bodwa besithi: “Ukuba sithe: ‘Lwaluvela ezulwini,’ wothi: ‘Kwakutheni ke phofu ukuze ningakholwa?’