15 Bamkhuphela ngaphandle kwesidiliya ke unyana lowo, bambulala.“Uya kuthini ke ngoko umnini-sidiliya?
16 Wofika ababulale abo balimi, asinikele kubambi eso sidiliya.”Bakukuva oko, bathi: “Makungabi njalo!”
17 Waza wabakhangela wathi: “Ithetha ntoni ke phofu le ndawo *eziBhalweni ithi:“ ‘Ilitye abâlideláyo abakhililo elaba lelona libalulekileyo lesiseko’?
18 “Bonke abathe bawa phezu kweli litye botyumka; ke bona elithe labawela bocoleka.”
19 Baza ke abachazi-mthetho nababingeleli abaziintloko bafuna ukumbamba kwangelo lixa, kodwa babesoyika abantu, kuba babesazi ukuba uwuthethe esingise kubo lo mzekeliso.
20 Bamcupha ke, bathumela iintlola ezizenza amalungisa, ukuze bambambise ngamazwi, ze ke bamnikele kwirhuluneli, yona iphetheyo inawo onke amagunya.
21 Iintlola ezi zambuza uYesu zisithi: “Mfundisi, siyazi ukuba wena uthetha ufundise okuyinyaniso, kuba akunamkhethe, koko uyifundisa ngenyaniso indlela kaThixo.