19 Baza ke abachazi-mthetho nababingeleli abaziintloko bafuna ukumbamba kwangelo lixa, kodwa babesoyika abantu, kuba babesazi ukuba uwuthethe esingise kubo lo mzekeliso.
20 Bamcupha ke, bathumela iintlola ezizenza amalungisa, ukuze bambambise ngamazwi, ze ke bamnikele kwirhuluneli, yona iphetheyo inawo onke amagunya.
21 Iintlola ezi zambuza uYesu zisithi: “Mfundisi, siyazi ukuba wena uthetha ufundise okuyinyaniso, kuba akunamkhethe, koko uyifundisa ngenyaniso indlela kaThixo.
22 Ngaba ke kuvumelekile na ukurhafa *kuKhesare?”
23 Eliqondile iyelenqe lazo, wathi kuzo:
24 “Ndiboniseni imali. Ke, ngokabani na lo mfanekiso neli gama?”Zaphendula zathi: “NgokaKhesare.”
25 Wathi yena kuzo: “Ke, nikani uKhesare okufanele uKhesare, ninike uThixo okufanele uThixo.”