21 Iintlola ezi zambuza uYesu zisithi: “Mfundisi, siyazi ukuba wena uthetha ufundise okuyinyaniso, kuba akunamkhethe, koko uyifundisa ngenyaniso indlela kaThixo.
22 Ngaba ke kuvumelekile na ukurhafa *kuKhesare?”
23 Eliqondile iyelenqe lazo, wathi kuzo:
24 “Ndiboniseni imali. Ke, ngokabani na lo mfanekiso neli gama?”Zaphendula zathi: “NgokaKhesare.”
25 Wathi yena kuzo: “Ke, nikani uKhesare okufanele uKhesare, ninike uThixo okufanele uThixo.”
26 Zakhohlwa ukumbambisa ngamazwi phambi kwabantu, zaza zathi cwaka, zimangalisiwe yimpendulo yakhe.
27 Kweza abathile *bakubaSadusi kuYesu (bona abo bathi akukho luvuko lwabafileyo), bambuza ke