23 Eliqondile iyelenqe lazo, wathi kuzo:
24 “Ndiboniseni imali. Ke, ngokabani na lo mfanekiso neli gama?”Zaphendula zathi: “NgokaKhesare.”
25 Wathi yena kuzo: “Ke, nikani uKhesare okufanele uKhesare, ninike uThixo okufanele uThixo.”
26 Zakhohlwa ukumbambisa ngamazwi phambi kwabantu, zaza zathi cwaka, zimangalisiwe yimpendulo yakhe.
27 Kweza abathile *bakubaSadusi kuYesu (bona abo bathi akukho luvuko lwabafileyo), bambuza ke
28 besithi: “Mfundisi, uMosis wasibhalela umthetho esithi: ‘Ukuba ubani uthe wafa, eshiya umfazi engekabi nabantwana, makathi umntakwabo amngene umfazi lowo, baze bamzalele abantwana umfi.’
29 Ke kaloku kwakukho oonyana bomntu omnye abasixhenxe, yaza inkulu yazeka umfazi, yasweleka ingekabi nabantwana.