30 Wathi ke owesibini wamngena, naye wasweleka engekabi nabantwana.
31 Wenjenjalo nowesithathu. Bada baba naye bosixhenxe, kodwa abashiya mntwana.
32 Emva kwabo bonke wasweleka naye umfazi.
33 Ke ngoko eluvukweni lwabafileyo uya kuba ngumfazi wawuphi na kubo? Kuba kaloku bosixhenxe babemthathile.”
34 Waphendula uYesu, wathi kubo: “Abantu beli phakade bayazeka, besendiswa;
35 kodwa bona abo bafanelwe kukuvuka ekufeni, baphile kwiphakade elizayo, àbazeki, àbendiswa.
36 Bona abasenakufa, kuba bafana nezithunywa zezulu. Bona bangoonyana bakaThixo, kuba kaloku bavukile kwabafileyo.