37 Ke yona into yokuba abafileyo bayavuka, noMosis uyayikhankanya kwisiqendu esithetha ngetyholo elivuthayo encwadini yakhe, apho abiza iNkosi ngokuthi inguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi.
38 AkaThixo wabafileyo ke; unguThixo wabaphilayo, kuba kuye bonke bayaphila.”
39 Baphendula ke abathile bakubachazi-mthetho, bathi: “Ngxatsho ke, Mfundisi; uthethe kakuhle!”
40 Babengasenabuganga ke bakumbuza nento le.
41 Ke uYesu wathi kubo: “Batsho ngani ke ukuthi: ‘*UKrestu ngunyana kaDavide’?
42 Kanti noDavide ngokwakhe kwiNcwadi yeeNdumiso uthi:“ ‘Yathi iNkosi eNkosini yam:Hlala ngakum kweli wonga,
43 lo gama ndikoyisela iintshaba zakho.’