42 Kanti noDavide ngokwakhe kwiNcwadi yeeNdumiso uthi:“ ‘Yathi iNkosi eNkosini yam:Hlala ngakum kweli wonga,
43 lo gama ndikoyisela iintshaba zakho.’
44 “Ukuba uDavide ngokwakhe uthi uKrestu yiNkosi, angathini ke ukuba ngunyana wakhe?”
45 Ke kaloku, besiva bonke abantu, uYesu wathi kubafundi bakhe:
46 “Balumkeleni abachazi-mthetho, abathanda ukuhamba ngezambatho ezide, bethanda ukuba kukhahlelwe kubo emabaleni embutho, befuna izihlalo eziphambili *ezindlwini zesikhungo, neendawo zamawonga ezidlweni.
47 Abo bayiphangayo imizi yabahlolokazi, baze bazenzise batsho ngemilembelele yemithandazo, ngabo abaya kufumana esona sohlwayo sikhulu.”