43 lo gama ndikoyisela iintshaba zakho.’
44 “Ukuba uDavide ngokwakhe uthi uKrestu yiNkosi, angathini ke ukuba ngunyana wakhe?”
45 Ke kaloku, besiva bonke abantu, uYesu wathi kubafundi bakhe:
46 “Balumkeleni abachazi-mthetho, abathanda ukuhamba ngezambatho ezide, bethanda ukuba kukhahlelwe kubo emabaleni embutho, befuna izihlalo eziphambili *ezindlwini zesikhungo, neendawo zamawonga ezidlweni.
47 Abo bayiphangayo imizi yabahlolokazi, baze bazenzise batsho ngemilembelele yemithandazo, ngabo abaya kufumana esona sohlwayo sikhulu.”