1 Ewaphakamisile amehlo akhe, uYesu ubone izityebi zigalela iminikelo yazo kwisikhongozeli-mali.
2 Ke wabona mhlolokazi uthile ulihlwempu efaka iimalana ezimbini;
3 waza wathi: “Ndithi kuni, inene, lo mhlolokazi ulihlwempu unikele ngaphezu kwabo bonke,
4 kuba bonke aba banikele kuThixo bethatha ebutyebini babo, kanti yena, eswele nje, unikele ngako konke abenokuphila ngako.”
5 Ke kaloku, xa abathile babethetha *ngendlu kaThixo, bencoma ukuhonjiswa kwayo ngamatye amahle nangezinto ezinexabiso, uYesu wathi: