15 kuba mna ndiya kuninika amazwi obulumko abangayi kuba nako ukubuphikisa nokumelana nabo bonke abachasene nani.
16 Ke kaloku niya kunikelwa nangabazali, nangabantakwenu, nazizizalwane, nazizihlobo, kubekho nababulawayo kuni.
17 Niya kuthiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam.
18 Ke akuyi kutshabalala nonwele olu lwentloko yenu.
19 Nothi ke ngokunyamezela kwenu nibuzuze ubomi benu.”
20 “Xa nithe nayibona iJerusalem irhawulwe yimikhosi, yazini ukuba kusondele ukutshabalala kwayo.
21 Ngelo xesha mabathi abakwelakwaJuda babalekele ezintabeni, bathi abo bangaphakathi kwayo iJerusalem baphume bemke. Ke abo basemaphandleni mabangangeni eJerusalem.