25 “Kuya kubakho imiqondiso elangeni nasenyangeni nasezinkwenkwezini; emhlabeni kubekho iintlanga ezicinezelekileyo, zididekile kukugquma kolwandle namaza.
26 Abantu boba besifa luloyiko, bexhalabele izinto ezilifikelayo ihlabathi, kuba konke okunamandla esibhakabhakeni kodunga-dungeka.
27 Baya kumbona ke *uNyana woLuntu esiza ngelifu, enamandla nobuqaqawuli obukhulu.
28 Ke kaloku zakuqala ukubakho ezi zinto, yimani nkqo, niphakamise iintloko zenu, kuba isondele inkululeko yenu.”
29 Wabenzela umzekeliso uYesu, esithi: “Khangelani umkhiwane nayo yonke imithi.
30 Xa seyivelisa amagqabi, nithi nakukubona oko, nazi ukuba ihlobo lithwasile.
31 Kwangokunjalo nani, xa nithe nazibona ezi zinto zisenzeka, yazini ukuba ulawulo lukaThixo lusemnyango.