26 Abantu boba besifa luloyiko, bexhalabele izinto ezilifikelayo ihlabathi, kuba konke okunamandla esibhakabhakeni kodunga-dungeka.
27 Baya kumbona ke *uNyana woLuntu esiza ngelifu, enamandla nobuqaqawuli obukhulu.
28 Ke kaloku zakuqala ukubakho ezi zinto, yimani nkqo, niphakamise iintloko zenu, kuba isondele inkululeko yenu.”
29 Wabenzela umzekeliso uYesu, esithi: “Khangelani umkhiwane nayo yonke imithi.
30 Xa seyivelisa amagqabi, nithi nakukubona oko, nazi ukuba ihlobo lithwasile.
31 Kwangokunjalo nani, xa nithe nazibona ezi zinto zisenzeka, yazini ukuba ulawulo lukaThixo lusemnyango.
32 “Ndithi kuni, inene, asiyi kudlula esi sizukulwana zingadanga zenzeke zonke ezi zinto.