31 Kwangokunjalo nani, xa nithe nazibona ezi zinto zisenzeka, yazini ukuba ulawulo lukaThixo lusemnyango.
32 “Ndithi kuni, inene, asiyi kudlula esi sizukulwana zingadanga zenzeke zonke ezi zinto.
33 Liya kudlula izulu nehlabathi; ke wona amazwi am akasayi kuze adlule.”
34 “Zilumkeleni ke, hleze iintliziyo zenu zenziwe buthuntu buburhovu, nakukunxila, nangamaxhala obu bomi, ize loo mini inifikele ngebhaqo;
35 kuba iya kubafikela ngokomgibe bonke abahleliyo phezu kwehlabathi lonke.
36 Ke ngoko phaphamani maxa onke, nikhunga, ukuze nibe namandla okuziphepha zonke ezi zinto ziza kwenzeka, nize nibe nokuma phambi *koNyana woLuntu.”
37 Ke kaloku emini uYesu ebefundisa *endlwini kaThixo, athi ngokuhlwa aye kulala eNtabeni yemiNquma.