35 kuba iya kubafikela ngokomgibe bonke abahleliyo phezu kwehlabathi lonke.
36 Ke ngoko phaphamani maxa onke, nikhunga, ukuze nibe namandla okuziphepha zonke ezi zinto ziza kwenzeka, nize nibe nokuma phambi *koNyana woLuntu.”
37 Ke kaloku emini uYesu ebefundisa *endlwini kaThixo, athi ngokuhlwa aye kulala eNtabeni yemiNquma.
38 Kwakusasa bonke abantu babesiza kumphulaphula endlwini kaThixo.