9 Xa nithe neva ngeemfazwe neziphithi-phithi, ze ningoyiki, kuba ezo zinto zimelwe kukubakho kuqala. Sona ke isiphelo asiyi kubakho kwangoko.”
10 Waqhuba wathi kubo: “Uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nokumkani avukelane nokumkani.
11 Kuya kubakho iinyikima zomhlaba ezinkulu, kwiindawo ngeendawo kubekho indlala nendyikityha yokufa. Kuya kubakho izinto ezoyikekayo, kwanemiqondiso emikhulu evela ezulwini.
12 “Ngaphambi kokuba zonke ezi zinto zenzeke, baya kunibamba, banitshutshise beninikela *ezindlwini zesikhungo nasezintolongweni, nisiwe phambi kookumkani neerhuluneli ngenxa yegama lam.
13 Oko ke kuya kuba lithuba lenu lokungqina.
14 Zimiseleni ukungayicingi kwangaphambili indlela eniya kuziphendulela ngayo,
15 kuba mna ndiya kuninika amazwi obulumko abangayi kuba nako ukubuphikisa nokumelana nabo bonke abachasene nani.